Ujongene neyona midlalo enzima uHugo Broos!

UHugo Broos ngumqeqeshi waBanana Bafana. Umfanekiso: Sydney Mahlangu/BackpagePix

Iqela lesizwe lebhola ekhatywayo lijongene nobunzima emidlalweni ehlakulela itumente yehlabathi. Umqeqeshi waBafana Bafana uthi akusekho kubuya umva ngoku, kufa ayayo. UHugo Broos uncokole neentatheli enkampini yaBafana Bafana ebanjelelwe eDobsonville Stadium. Amakhwenkwe kaBroos alungiselela ukudibana neZimbabwe emdlalweni ekunyanzelekileyo awuphumelele eFNB Stadium ngentsimbi yethoba ebusuku ngomso. ABafana Bafana bathe ngcu phezulu kuGroup G, emva kwabo bathiwe nca yiGhana ebikhe yabavimba ithuba lokuya kwi-Afcon emdlalweni obusekuqaleni konyaka. Ukuze bandise amathuba okuya eQatar kunyaka ozayo, kufuneka babethe iZimbabwe neGhana.

Ukuzithemba eqeleni kukaBroos kuphezulu emva kokuphumelela imidlalo emithathu ilandelela kwemine eliyidlalileyo. Kuloo midlalo, lidlale ntanganye neZimbabwe. “Sinemidlalo emibini ebaluleke kakhulu kwaye sikumjikelo wokugqibela ngoku. Ukuba siphumelele le imidlalo, siyaya kowokugqibela. Kulula ukuyithetha lo nto – kodwa ayilulanga yona,” utshilo uBroos. “Elona lizwe elibethwe phantsi ngawo onke yiZimbabwe, nawo uMzantsi Afrika kufuneka uzibethele yona ukuze uye kwiGhana kowayo unamandla. “Eyona nto ibaluleke kakhulu kuthi ngoku kukubetha iZimbabwe. Siphulukene nabadlali ababini (Hlanti noMvala) ebendibafuna emidlalweni nalo wethu neGhana.

“Bakhona kodwa abanye abadlali abaza kunikwa ithuba. Indothusile indlela esiqhube ngayo kwezi nyanga ezintathu ezigqithileyo. Senze umsebenzi omhle kakhulu. Kwakunzima ukukhetha abadlali ekuqaleni ngoba ndandingabazi. Sekungcono ngoku ngoba ndiyabazi. Imidlalo enzima esijongene nayo ibalulekile kakhulu – kodwa andinalo uvalo. Ndilithembile kakhulu iqela lam. Mayize imidlalo – kodwa ndingavuya ukuba singaya kwiGhana sifumene amanqaku. Iingqondo zethu zikwiZimbabwe kodwa ngoku,” utshilo uBroos owanikwa uxanduva lokwakha iqela elakubuyisa isidima soMzantsi Afrika. Emva komdlalo ngoLwesine, aBafana Bafana baza kuntingela eGhana – apho baza kudlala omnye umdlalo ngeCawe.