URamaphosa noMthethwa bawuqhwabele izandla umsebenzi owenziwe yiSundowns Ladies

IMamelodi Sundowns ziintshatsheli ezivunyiweyo zeTotalEnergies CAF Women’s Champions League emva kokubetha iHasaacas Ladies emdlalweni obuseJune Stadium, eCairo, ngoLwesihlanu. Umfanekiso: Samuel Shivambu/BackpagePix

Emva kokugqugqisa ebholeni yamanenekazi kwizwekazi le-Afrika yonke, iMamelodi Sundowns Ladies inconywe macala onke eMzantsi Afrika. Phakathi kwabantu abayiqhwabele izandla iSundowns Ladies ibe nguMongameli uCyril Ramaphosa. Oku kwenzeka emva kokuba iSundowns ibethe iHasaacas Ladies yaseGhana ngamagowuli amabini (2-0) emdlalweni wokugqibela weCAF Women’s Champions League obubanjelwe eCairo ngorhatya ngoLwesihlanu.

Impumelelo yamanenekazi kwiChampions League ilandela eyamadoda awaphumelela ngonyaka ka-2016 phantsi kwesandla sikaPitso Mosimane. “Isizwe sivuyisana neMamelodi Sundowns ephumelele iCAF Champions League. Sifuna ukuthi nenze umsebenzi omhle kakhulu. Iqela lenu nelizwe lenu ayaziqhenya ngomsebenzi wenu,” utshilo umyalezo kaMongameli kwikhasi lonxibelelwano, uTwitter.

Emva kokuphakamisa eyona ndebe inkulu ebholeni yezwekazi le-Afrika, umqeqeshi weSundowns uvuye kakhulu. “Ukusebenzisa kwethu iifolosi ezintathu ngaxeshanye kusebenzile. Bendinexhala phambi komdlalo ngoba khange ziwasebenzise kakuhle amathuba kweminye imidlalo. Namhlanje iifolosi zenze umsebenzi oncomekayo,” emva komdlalo, utshilo uJerry Tshabalala – ongumqeqeshi wokuqala ophumelele indebe yeCosafa neyeChampions League ebholeni yamanenekazi eMzantsi Afrika.

“Adlale kakuhle amantombazana wam. Ndithethe no-Andiswa Mgcoyi phambi komdlalo. Ndimbonise izinto ezifunekayo kuye njengefolosi. Wenze umsebenzi omhle kwaye ndiyazingca ngaye neqela lonke. Siliqela lokuqala eliphumelele iCAF Champions League kwaye siyenze lo nto kungafakwanga gowuli kuthi kuyo yonke imidlalo,” uvale ngaloo mazwi uTshabalala. Waleke umsundulo uMphathiswa weZemidlalo, uMnu Nathi Mthethwa, ngelithi impumelelo yeSundowns iza kufunqula ibhola yamanenekazi eMzantsi Afrika.