Mogoeng: ‘Ndingazigqatsela ubuMongameli, xa uThixo esitsho’

OBESAKUBA yiNtloko yeJaji kwiNkundla yoMgaqo Siseko, uMogoeng Mogoeng, uthi akanayo iminqweno yokuba nguMongameli welizwe loMzantsi Afrika, ngaphandle kokuba uThixo angamyalela ukuba enze njalo.

UMogoeng ebethetha eDowntown Christian Centre eMonti ngoLwesihlanu kwiphulo lakhe likazwelonke lokudlulisa ilizwi lempiliso kwizwekazi leAfrika.

Ebuzwa ngomnye wabo bebezimasile ukuba unawo na umnqweno wokuzigqatsela ubuMongameli belizwe, uMogoeng uthe: “Andinawo kwamnqweno wento engasuki kuThixo. Ndiyindoda elandela imibono enikezwa nguThixo. Andinaso isicwangciso esingahambelaniyo noThixo.”

Mogoeng Mogoeng UMFANEKISO: SIYABULELA DUDA

“Kodwa ndikulungele ukwenza nantoni na iNkosi ethi mandiyenze. Ngamanye amagama, mandiyitsho ukuba uThixo akakhange atsho ukuba mandizigqatsele ubuMongameli ngo2024 kodwa ukuba uThixo angandiyalela ukuba mandizigqatsele ubuMongameli ngomso okanye kulo nyaka uzayo, ndingayenza lo nto. [Xa ndikwenza oko] andizukukhathalela imibono yabantu,” utshilo uMogoeng.

UMogoeng ubalise ngexesha phambi kokuba abeyiJaji eyiNtloko apho kwakukho ingxokolo malunga nokulungela kwakhe esi sikhundla, esithi kudala esenzelwa amagumgedle, kodwa ethule kuba oPhezulu ebengamniki igunya lokuziphendulela. Kodwa uthi ngoku igunya lokuphendulela ulinikiwe ngoPhezulu.

Ebalisa ngendlela yokwakhiwa kwamagumgedle uthe: “Indlela elisebenza ngayo igumgedle, kukuthatha isuntsu lenyaniso lidityaniswe nobuxoki nesibaxo ze uthethe ngalo oko de ingene kwiingqondo zabantu.”

UMogoeng ukwathethe nangombandela wokufunyanwa enetyala yiKomiti yokuZiphatha kwabezeeNkundla (Judicial Conduct Committee), kulandela iintetho zakhe malunga nelizwe lakwaSirayeli.

“Enye into ebendityholwa ngayo, nendifunyaniswe ndinetyala kuyo, kukuthwa ndathetha ngokukhabanayo nomgaqonkqubo welizwe loMzantsi Afrika malunga nelizwe lakwaSirayeli.

“INkosi yathi kum ngenye imini ifuna ndibhene, ndayibuza ukuba ngoluphi uhlobo. Ndathandaza ze iNkosi yathi buza abantu kwi-ofisi yakho ukuba bakunike uxwebhu lomgaqonkqubo woMzantsi Afrika lo kuthwa ndithethe ngokukhabanayo nawo.

“Kwakhangelwa iintsuku ezintathu awuzange ufunyanwe lo mgaqonkqubo. Ndazibuza ukuba ndifunyanwa njani ndinetyala ngokokuthetha ngokukhabanayo nomgaqonkqubo ongekhoyo?” kubuza uMogoeng.

UMogoeng uthi akawacaphukeli amaPalestina kwakunye namaSirayeli.

“Andiwacaphukeli amaPalestina ndayicacisa gca, ndingawacaphukeli namaSirayeli, andiwacaphukeli amaJuda. Ingaba bayazenza izinto ezingalunganga? Ewe bayazenza, njengam. Ingaba bayona? Ewe njengokuba bonke abantu behlala bahlale bone, nabo bayona. Ingaba ndiyazithanda izono zabo okanye izinto eziphambuka kubulungisa? Hayi andizithandi, kuba ukuphambuka kubulungisa akulunganga.”