Umculo kaLukhsvuitton uthumela umyalezo kwabatsha

UMCULO awenzayo uLukhsvuitton sisixhobo sokugqithisa umyalezo kulutsha, kwaye ukwayindlela yakhe yokubhodla oko kumtyayo ngaphakathi.

Le mvumi, eneminyaka eli-18, iqale ukwenza umculo ine-13 leminyaka ubudala. Igama likaLukhsvuitton lokuzalwa nguLukhangele Lobese, uzalelwa kwilokishi yaKwaNokuthula ePlettenberg Bay.

Incokolela I’solezwe lesiXhosa ngomculo wayo, le mvumi ithi ithe yakuzibona iwuthanda umculo, yagqiba kwelokuthatha unyaka isebenza nzima ukufumana ulwazi lomculo kwikholeji eseKapa.

Ngoku uLukhsvuitton sele ekhuphe iingoma eziliqela zohlobo lweCommentary Pop, iTrap neRnB.

“Akukho nto ndiyonwabela njengokwenza umculo, ndikwakhangela amacebo aphucukileyo okuqaqambisa esi sakhono sam,” kutsho uLukhsvuitton.

“Iingoma zam yindlela endikhupha ngayo okulapha ngaphakathi kum, ndikuzobe, ndandule ndikuphakele ilizwe. Oku kubaluleke kakhulu kum,” wongeze watsho.

ULukhsvuitton ukhuphe amacwecwana amabini (EPs).

Iingoma zakhe ezinjengoFumes, La Hillz, See You There noExilipho zifumaneka kwiivenkile zeintanethi.

“Ophulaphule ezi ngoma ndifuna afumane into ukuze akwazi ukuyisebenzisa,” kutsho uLukhsvuitton.

Le mvumi idize ukuba iza kongeza umculo wayo okwiEP ukuze ibe nako ukukhupha icwecwe layo lokuqala.

Phulaphula ezi ngoma zimnandi kuyo yonke imingxili yomculo kwi-intanethi.