UMgijima obeke phantsi uzingomba isifuba ngeWSU All Blacks

Omnye wabaqeqeshi abaqinise inkqubo yophuhliso lombhoxo eWalter Sisulu University (WSU), uLungisa Mgijima, ubeke phantsi emva kweminyaka engaphaya kweshumi. UMgijima, obeqeqesha iWSU All Blacks kwiminyaka egqithileyo, ugqibe kwelokuba ayeke ukuqeqesha. Akukho sizathu esicacileyo esibangele ukuba ahambe – kodwa uyibeke yacaca into yokuba abaqeqeshi bamaqela amaziko emfundo kufanele bavuzwe ngendlela efanelekileyo. OkaMgijima noMnu. Sipho Metula, osweleke kwiminyaka embalwa egqithileyo, ngamanye wamadoda enze indima ebonakalayo ngethuba kusungulwa iqela lombhoxo elidlala kwiVarsity Shield – edlalwa ngamaziko emfundo onke aseMzantsi Afrika.

Ethetha emva kokungabeka phantsi kwakhe, uMgijima uthe: “Ndibhala olu xwebhu lude ngoba thina bantu abamnyama asikuxabisanga ukushicilela imbali esiyenze kwezemidlalo. Sithi abamilisela iziseko zophuhliso lombhoxo eWSU. Ukungabikho kwezixhobo zokusebenza zange kwasityhafisa ngoba sasiyazi into esiyifunayo”. UMgijima uzingombe isifuba ngomsebenzi omhle awushiye ngasemva emva kweminyaka eliqela ezibophelele embhoxweni waseWalter Sisulu University. “Akukho nto esingayenzanga ukusukela ngo-2011 ukuze kukhuseleke iphupha lethu lokusa iqela lethu kwiVarsity Shield. Saqinisekisa ukuba wonke umntu osecaleni kwethu uyiqonda ngokupheleleyo into esifuna ukuyenza. Ndanikwa umsebenzi wokuqeqesha iqela elinabadlali abaselula (Under-21)”

“Sabetha onke amaqela kwitumente yombhoxo eyaziwayo, iEC Super 12, sabuya nendebe eyavula indlela engena kwiVarsity Shield eminyakeni emihlanu egqithileyo. Emva kokuphumelele ngokulandelela iUSSA Tournament kabini, savuya kakhulu ngoba kwafezekiswa iphupha lethu. Ndifuna ukuncoma kakhulu abantu abafana noNtsika Matomela, uYamnkela Am, uNandipha Manjezi, uMalusi Magela, uLubabalo Mzwakali noChumani Booi ngokwenza umsebenzi omhle,” utshilo uMgijima kwingxelo ayikhuphe ekupheleni kuka-2021. Ulebele ngelithi umqeqeshi olandela emva kwakhe kufanele abhatalwe ngokufanelekleyo wavakalisa nokuphoxeka kwakhe yiWalter Sisulu University orhuqa iinyawo kumba weHaka engasenzziwayo yiWSU All Blacks emva kwesankxwe kunyaka ophelileyo.