ULizo Gqoboka waseNtabankulu uthi lo unyaka ngowakhe

ULizo Gqoboka ngumdlali weVodacom Bulls. Umfanekiso: ©Muzi Ntombela/BackpagePix

Njengokuba abantu besenza izicwangcwiso zezinto abafuna ukuzenza enyakeni omtsha, nakwezemidlalo kunjalo. ULizo Gqoboka, odlalela iqela eliphambili lombhoxo eGauteng, uthi uzimisele ukudlala ngendlela engazange ibonwe ebomini bakhe. Le ndedeba yaseNtabankulu ikutsho oku emva lokuphuncuka kumonzakalo oyikhonkxe ixesha elide kwisini yonyaka ka-2021. UGqoboka, 31, uthi uzimisele ukuncama ezinye izinto ukuze afumane ithuba lokudlala kwiVodacom Bulls. “Ndiza kuncama izinto ezininzi ukuze ndifunde ngomdlalo wombhoxo ngakumbi. Yinto endinokwazi ukuyenza leyo ngoba ixhomekeke kum. Ndifuna ukuphucula indlela endidlala ngayo kwiBulls,” utshilo uGqoboka ogqibele ukudlala umbhoxo kunyaka ophelileyo.

UGqoboka uvumile okokuba ukonzakala kwakhe kubuyisele umva kakhulu inkqubela ebesele eyenzile kwiBulls nasemdlalweni wombhoxo ngokubanzi. Kulo nyaka mtsha, uzimisele ukusebenza ngokukhulu ukuzimisela ukuze akwazi ukudlala umbhoxo kwakhona kwinqanaba eliphezulu. “Kwicala lombhoxo, unyaka ophelileyo ubumbi kakhulu kum. Andikwazanga ukudlala emidlalweni emithandathu yonke ilandelelana. Bekusoloko kukho ukonzakala okundibambezelayo. Indiphazamisile lo nto kakhulu – kodwa ngelishwa, ayisiyonto endikwaziyo ukuyilawula ngokwam. Into endiyifunayo xa ndingena ebaleni kukudlala kakuhle. Andifuni ukuzikhathaza ngokonzakala ngoku,” utshilo uGqoboka ecatshulwa yiRugby Magazine.

Emva kweminyaka esixhenxe, uGqoboka uthi uyiphose ngemva into yokonzakala kwaye uziva eseyinxalenye yeBulls. “Kuninzi endikufundileyo. Ndibonile indlela abadlali nomqeqeshi abasebenze ngayo. Nokuba wonzakale, benze kwabonakala ukuba ndiseyinxalenye yeqela. Ndifuna ukudlala ukuze ndenze imbali ndiphucule nomdlalo wam. Ndizimisele ukubeka ingqondo yama kwizinto eziselulawulweni lwam. Kodwa ndinethemba lokuba konke kwakuhamba kakuhle kulo nyaka,” utshilo uGqoboka.