Bacela inkxaso abahlohla izibalo ezikolweni

IRise Mzantsi Academy NPO eyasungulwa ngo2017 ejongene nokuphuhlisa kwanokuphucula izifundo zeziBalo kubantwana basezilalini naselokishini, izicelela inkxaso kuluntu kuquka nabasemagunyeni nanje

ngoko isithi akukho lula ukufumana zonke izixhobo zokuncedisa abantwana kwezezibalo kuba isithi ikhupha kuyo empokothweni amaxesha amaninzi.

Lo mbutho uzimeleyo useDimbaza kude kufuphi naseQonce. Unamalungu amathandathu aphume izandla, nasele ezizinto ngenxa yezibalo. Ongumsunguli weRise Mzantsi Academy uSinesipho Witbooi uthi eyona njongo yokusungula eli phulo lokuncedisana nabantwana ezikolweni kukubonisa abantwana basemakhaya ukuba izifundo zezibalo ayizozabantu abathile. Kwaye bafuna nokubabonisa ukuba ooGqirha, iiNjineli kwaneeNzululwazi zingaphuma nakubo ngoku beselokishini nasezilalini.

Uthi amalungu alo mbutho ngabantu abanezakhono kwezezibalo. Uthi wajonga abantu abanomdla ekwenzeni utshintsho ekuhlaleni, abanezakhono zezibalo, wajonga nabo banomdla ekuphuculeni imeko yabantwana.

Inkqubo abayenzayo yiMath Primary Project nabayenza kwizikolo zamabanga aphantsi ngenjongo zokuba bonyuke nayo. UWitbooi uthi izifundo zezibalo zinochuku kakhulu kufuneka uqiniseke ukuba kwasezantsi uyibambile. Uthi izibalo zifana nokwakha indlu kuba xa uthe wayibhuda kwasesisekweni sokwakhiwa kwayo inamathuba okuwa. Uthi kungoko beqala ezantsi nabo kuba befuna abantwana bafike benesiseko esisiso xa bekumabanga aphezulu.

“Olu phuhliso siluzisa ngemfundo apho sigxila kakhulu kwezezibalo siphucula aba bantwana kuba sifuna baqaqambe kwezezibalo. Ekusekeni kwethu iRise Mzantsi Academy ndaye ndaqaphela ukuba ikhona imfuno nesidingo sokuba abantwana bancediswe kuba bayasilela kwizibalo. Omnye mhlambi ukhule erhalela ukuba yiNzululwazi kodwa ngenxa yokoyisakala kwizibalo aphele entshintsha angalifezekisi iphupho lakhe lokuba yile nto anqwenela ukuba yiyo,” utshilo uWitbooi.

Uthi kwiiPrimary zaseBuffalo City kwakunye neRaymond asele bencede kuzo abantwana basoloko bephuma phambilli kukhuphiswano lwezibalo. Uthi oku kubavuyisa kakhulu beyiRise Mzantsi Academy kwaye kuyabakhuthaza nangakumbi ukubona izivuno ezihle apho bancedisa khona.

UWitbooi uthi okunye abakugxininisayo xa behlohla izibalo baye baqiniseke ukuba umntwana uyazithemba, ukuqiniseka ukuba umntwana uyakwazi ukubala ngaphandle kokuncediswa ziikhatyuleytha kwanekhompyutha. Bakwabafundisa izakhono zokucinga ngokukhawuleza. Uthi babathatha bonke abantwana abakhethi abo baziwa ngokuba bekrelekrele ezibalweni.

IRise Mzantsi Academy icela inkxaso kwabasemagunyeni njengoko kungekho nkxaso bayifumanayo nakweliphi na iSebe elijongene neenkqubo ezinje zokuphuhlisa abantwana.

Ithi iwenzile amatiletile okufaka izicelo zenkxaso kumasebe karhulumente afane nezeMfundo kwakunye neNtlalo yoLuntu kodwa akubuyi zimpendulo zibambekayo. Ithi ngowona mcelimngeni mkhulu kubo ukusebenza bengenazo izixhobo ezaneleyo.

Lowo unomdla wokufaka isandla nokunxulumana nabo angakhangela kwikhasi labo likafacebook: RISE MZANTSI ACADEMY.