Ungathini kanti uphila nombulali othe cwaka?

Izifo ezinganyangwayo zingabangela umonakalo wexesha elide.

Abantu abaninzi abakuqondi ukuba iimeko zempilo ezingapheliyo ezifana noType 2 weswekile, ikholesteroli ephezulu okanye uxinzelelo lwegazi (high blood) zingadala umonakalo emzimbeni, oku kwenzeka ixesha elininzi xa umntu lowo engaqapheli zimpawu.

Nangona zinokwenzeka ngokohlukeneyo, ezi zigulo zintathu amaxesha amaninzi zihamba kunye, kwaye kunjalo nje zingandisa amathuba okuphathwa sisifo secala, uhlaselo lwentliziyo kwakunye nokufa ngesaquphe.

“Ekuqaleni konyaka omtsha, uninzi lwethu lucinga ngokuphucula impilo yethu ngokomeleza imizimba yethu okanye ukutya ngendlela esempilweni. Kodwa eyona nto ibalulekileyo ehlala ingahoywa ukukhathalela impilo yethu kukwenza uvavanyo lwempilo rhoqo,” utshilo uJoy Steenkamp, ​​usokhemesti kwiMedipost Pharmacy.

USteenkamp uthi ubani nokuba uziva ephile qete okwegqabi levinika makahlale evundlile.

“Nokuba uziva uphilile kwaye usempilweni, hlala usazi ukuba kungenzeka uphila nesinye kwezi zigulo ngaphandle kokwazi. Nanjengokuba zikhula izifo ezingangxoliyo kweli loMzantsi Afrika, kubalulekile ukuba abantu bazixilongele ezi zigulo zixhaphakileyo nyaka nonyaka ukuze umngcipheko ubhaqwe kwaye kuqutyisanwe nawo kusekutsha ukuze kungadaleki iingxaki ezingaphezulu, ” kutsho uSteenkamp.

Isifo seswekile sisigulo sexesha elide esiphazamisana nendlela umzimba wakho ocola ngayo iswekile yokutya okutyayo. UType 1 weswekile ixesha elininzi ufunyanwa ebuntwaneni ngelixa uType 2 uye afunyanwe ebudaleni.

“I-insulin lidlala elinceda ekulawuleni izinga leswekile egazini lakho. Ukuba umzimba wakho awuvelisi insulin eyaneleyo okanye iiseli azisanxibelelani ne-insulin, iswekile eninzi ihlala egazini lakho, le nto ingakhokelela kwiingxaki ezimbi zempilo ekuhambeni kwexesha, kuquka umonakalo onganyangekiyo emehlweni, ezintsweni nakumanye amalungu omzimba. Ngoko kubalulekile ukulazi izinga lakho leswekile kwaye uthi gqolo ukuxilongwa ukuze wazi ukuba akukho kumngcipheko wokuba noType 2 weswekile,” kutsho uSteenkamp.

Uthi ngokusebenzisa amachiza afumaneka kule mihla, ukuzivocavoca kuquka nokutya okusempilweni, isifo seswekile singalawuleka.

“Ngamayeza amaninzi amatsha atyiwayo okanye ahlatywayo anokugcina iswekile yakho isemgangathweni onguwo.”

USteenkamp uthi omnye unomji yikholesteroli ephezulu okanye amafutha amaninzi egazini athande ukuxaka uluntu eMzantsi Afrika.

“Nangona abantu abanekholesteroli ephezulu bengenazimpawu ixesha elininzi, ukuba ayibhaqwa ze inyangwe, iye idale umngcipheko wesifo sentliziyo, uhlaselo lwentliziyo nesifo secala,” kongeza uSteenkamp.

Uthi ukutya okuncitshiswe amafutha nokuzilolonga lelona qhinga lingcono kule ngxaki.

UMbutho wezeMpilo kwiHlabathi (iWHO) iqikelela ukuba malunga nesiqingatha sabantu abaphila nehigh high kwihlabathi lonke abazazi, kwaye oko kuthetha ukuba abanyangwa, kwaye kunjalo nje mnye kwabahlanu onehigh high elawulekayo.

Ukuba ihigh high ayinyangwa yongeza uxinzelelo entliziyweni, oku kuye kukhokelele kuhlaselo lwentliziyo okanye ukufa icala, kwakhona nomonakalo kwizintso kuquka neminye imingcipheko.

“Ezi meko ziye zenze umntu ayokulala esibhedlele okanye abhubhe ngesiquphe.

Xa ugqirha wakho ekunike ichiza elililo, oku kungakunyanga kwaye uqhubekeke njalo nonyango lwakho nokuba sowuziva ungcono,” utshilo lo sokhemesti.