Akafuni ukuzibethela igubu uJali emva kokufumana iwonga lePSL

Umdlali weMamelodi Sundowns, uAndile Jali, ufumene iwonga lomdlali wenyanga. Umfanekiso: Samuel Shivambu/BackpagePix

Isizini eqhubekayo ka2021/22 yenye yeesizini angasoze ayilibale uAndile Jali ukusukela mhla wabuya eYurophu. UJali, 31, yinjini yeMamelodi Sundowns ethembekileyo ukusukela oko kuqale imidlalo yeDStv Premiership. Eminyakeni egqithileyo akakwazanga ukubamba indawo yakhe kwiSundowns ngoba ebekhathazwa kukonzakala. Njengokuba isizini ikekelela ekupheleni, iphela kungekho ngxaki futhi eyibethelele indawo yakhe kwiSundowns njengomdlali wayo othembekileyo. Unethuba elihle lokuphumelela enye indebe ebalulekileyo ngoba iSundowns ivule umsantsa wamanqaku alishumi elinesine phakathi kwayo neqela elikwindawo yesibini kwiDStv Premiership.

Kule veki uJali ithiwe jize ngewonga lomdlali oqaqambileyo kwinyanga yokugqibela yonyaka ophelileyo. Oku kwenzeke emva kokuba uJali encede iqela lakhe ladlula kumaqela afana nePirates, iRoyal AM, iSuperSport United, iBaroka phambi kokubethwa ngaMaZulu okokuqala kule sizini. “Ndilivuyela kakhulu iwonga endilifumenyo. Ayisilolama ndodwa ke. Lelam nabanye abadlali endidlala nabo kwiSundowns. Ndifuna ukubabulela kakhulu oogxa bam,” utshilo uJali emva kokubetha abadlali abafana noVictor Letsoalo, uBienvenu Eva Nga, uPeter Shalulile noKwame Peprah kwiwonga lomdlali oqaqambileyo kwinyanga yoMnga ka-2021.

“Ukuphumelela kwam kubonisa mhlephe ukuba iqela kukho into eliyenza kakhuhle. Xa kusithiwa ndiphumelele iwonga lenyanga, lo nto ithi iqela lidlale kakuhle kwinyanga ephelileyo. Besinemidlalo enzima kakhulu – kodwa sikwazile ukuyiphumelela ngoba siyayazi into esiyifunayo siliqela,” utshilo uJali, odlale imidlalo emininzi kule sizini ngaphezulu kwezigqithileyo. “Ndincoma kakhulu oogqirha ngokuqiniseka ukuba ndihlala ndiphilile kule isizini. Ngabona bantu abebesoloko bendikhuthaza bendicebisa ngeendlela zokuphepha ukonzakala. Benze indima enkulu njengokuba ndidlala kakuhle kule sizini. Ndibulela kubo bonke abantu abandivoteleyo,” utshilo uJali.