UThabo Matlaba ukhethe uyokuqengqeleka emalini kwiRoyal AM

UThabo Matlaba exhagwe ngabaphathi abatsha neqela lakhe elitsha, iRoyal AM. Umfanekiso: RA

Igqala lomdlali weSwallows FC, uThabo Matlaba, likhethe ukuyoqengqeleka emalini kwiRoyal AM yezigwili ezaziwayo, uShauwn Mkhize no-Andile Mpisane. UMatlaba wothuse abantu abaninzi ngethuba ecala ukukhululwa yiSwallows ukuze aye kwiRoyal AM ekwiphondo laKwaZulu-Natal. Konke oku kwenzeka uMatlaba egqiba ukuphumelela iDStv Compact Cup emdlalweni obuseFNB Stadium – apho anze indima ebonakalayo. Usihlalo weSwallows FC, uMnu. David Mogashoa, uxelele amajelo eendaba okokuba iqela ligqibe kwelokuba basamkele isicelo esenziwe ngumdlali.

“UMatlaba unditsalele umnxeba ngoMgqibelo ogqithileyo. Uthe ucela ukuhamba kwiSwallows. Sisamkele isicelo sakhe ngoba umgaqo weqela uthi masingabingumqobo endleleni yabadlali abafuna ukuhamba. Isivumelwano sakhe besiza kuphela kwinyanga yeSilimela kulo nyaka. Besingeke sizame nokuthi makahlale ngoba nguye ofune ukuhamba,” utshilo uMogashoa. Ngoku uMatlaba ngumdlali weRoyal AM emva kokwaziswa kwakhe ngokusesikweni ngoLwesibini kule veki. UMatlaba ngumakad’ enetha odlalele iFree State Stars, iPirates neLeoapards phambi kokuya eDube. Ingxelo ithi uMatlaba, 34, utyikitye isivumelwano seezisini ezimbini kwiqela lakhe elitsha. Abanye abadlali abafunyenwe yiRoyal AM baquka ifolosi uMxolisi Macuphu, unozinti uMarlon Heugh noShaun Mohaila abasuka kwiTS Galaxy ethathe uMzwanele Mahashe.

Nangona abaphathi besaziwa ngokuphisa ngemali xa abadlali beqhube kakuhle – kodwa bagqibe kwelokuba bakhulule ishumi elinesihlanu lonke labadlali. Ubininzi babadlali benziwa kukuba kwanyanzeleka iBloemfontein Celtic ayithenge nabadlali bayo abafika badibana nabeRoyal AM. “Sigqibe kwelokuba siliphungule inani labadlali. Bekungemnandanga ukukhulula abadlali – kodwa sibone kufanelekile ukuba sibakhulule ukuze bakwazi ukuzuza amathuba kwamanye amaqela,” utshilo uMpisane kwingxelo ebhaliweyo. Phakathi kwabahambileyo ngabancedisi bakaJohn Maduka abafana noSimon Gopane noDitheko Mototo.