Amakhosi ayiqwabaze amalungu iBaroka ekugqibeleni ePeter Mokaba Stadium

USamir Nurkovic weKaizer Chiefs noPhelelani Shozi weBaroka FC emdlalweni weDStv Premiership obubanjelwe ePeter Mokaba Stadium namhlanje ebusuku. Umfanekiso: Philip Maeta/BackpagePix

Amakhosi afumene impumelelo yawo yokuqala kule nyaka mtsha emva kokuba eguqiswe phantsi ngo’1-0 iBaroka FC egoloze amashumi alithoba onke emizuzu yomdlalo obunzima weDStv Premiership obubanjelwe ePeter Mokaba Stadium ebusuku namhlanje. Igowuli elihlangule iKaizer Chiefs engxakini lifakwe nguKhama Billiat kwixesha likasompempe. Unozinti weBaroka FC, u-Oscarine Masuluke, uchiphize iinyembezi emva komdlalo ngenxa yegowuli elingene kuye ekupheleni komdlalo emva kokusebenza kakuhle phantse emdlalweni wonke.

Iqela likaThobejane liye emdlalweni liphantsi koxinizelelo emva kokuvuthululwa yiSekhukhune United ngo’4-0 kutshanje. Kanti nawo Amakhosi aye eLimpopo enyanzelekile ukuba abuye nempumelelo emva kokubethwa kabuhlungu yiTS Galaxy emdlalweni weNedbank Cup kutshanje. Noxa kuyiwe kwixesha lokuphumla kungekho qela elikwazileyo ukubhalisa ebhodini – kodwa iChiefs lelona qela elisukele kuqala. Abekhona amathuba abadlali beChiefs abangakwazanga ukuwasebenzisa. UKeagan Dolly, uKhama Billiat no-Eric Mathoho ngabanye babadlali abazamileyo ukuxhoxonkxa iBaroka ebivale mba emva.

Amaqela aqhubele phambili nokusukelanga kwisigaba sesibini. Amakhosi bekufanele ukuba awusonge kwa kwisigaba sokuqala umdlalo – kodwa akubanga njalo ngoba akakwazanga ukusebenzisa amathuba amahle. Unozinti weChiefs, uBrandon Peterson, ubambe iibhola ebeziyingozi iBaroka izama ukufumana impumelelo enokusindisa umqeqeshi wayo ophantsi koxinizelelo ngenxa yendawo embi iqela elikuyo. IChiefs engakhange iyeke ukuhlasela incedwe nguBilliat emizuzwini yokugqibela kwatsho kwa qabu kubalandeli beChiefs. Kweminye imidlalo: iChippa United ibethwe yiMarumo Gallants ngo’3-2, iSwallows FC ibethe iSekhukhune United ngo’1-0.

Baroka FC: Masuluke, Mphahlele, Farmer, Sithole, Dlala, Kambala, Shozi, Ngubane, Bobete, Bombi, Makgopa.

Amalalela: Chipezeze, Gebhardt, Goldstone, Mbulu, Chauke, Masiya, Ndhlovu, Monama.

Kaizer Chiefs: Petersen, Mathoho, Cardoso, Dube, Frosler, Blom, Baccus, Nange, Dolly, Billiat, Nurkovic.

Amalalela: Bvuma, Mphahlele, Castro, Manyama, Ngezana, Njabulo Ngcobo, Nkosingiphile Ngcobo, Sekgota, Radebe.