iChippa United iphise ngomdlalo kwakhona emizuzwini yokugqibela

UPhilip Ndlondlo weMarumo Gallants FC noTumiso Mogakwe weChippa United emdlalweni weDStv Premiership obubanjelwe eSisa Dukashe Stadium, eMonti, emalanga namhlanje. Umfanekiso: Deryck Foster/BackpagePix

Iphinde yalahla amanye amanqaku iChippa United sele esesandleni. Namhlanje ibethwe yiMarumo Gallants FC ngamagowuli amathathu kwamabini emdlalweni weDStv Premiership obubanjelwe eSisa Dukashe Stadium. Okwenzeka ukubethwa kweChippa United kwaba krakra kubalandeli bayo kukuba ibikhokela ngo’2-1 ngokufanayo nakwiveki ephelileyo ewudlale neRoyal AM. Umdlalo ubumhle futhi unamagowuli kwizigaba zozibini zomdlalo. Iqela likaDan Malesela lihambe phambili ngegowuli elifakwe sisiquququ esaziwayo, uNdabayithethwa Ndlondlo. Kuye kwanyanzeleka amakhwenkwe kaKurt Lentjies anyuse umxakatho ngoba iMarumo Gallants ibifuna igowuli lokuvala kwa kwisigaba sokuqala somdlalo.

UBienvenu Eva Nga ufake igowuli lokulinganisa leChippa United emva kokunikelwa ibhola entle nguPeter Maloisane. Kuyiwe kwixesha lokuphumla amaqela enamagowuli alinganayo ebhodini. Iqela laseMpuma Koloni lingene kwisigaba sesibini somdlalo lifuna ukufaka igowuli lakugqiba lisonge umdlalo. ULentjies ufake uTebogo Makobela noMaloisane Mokhele kwiindawo ezishuywe nguThabiso Lebitso noThokozani Sekotlong. Injongo yomqeqeshi ibikukubeka uxinizelelo kubadlali beGallants FC ukuze iChippa United ifumane igowuli lempumelelo.

Ikhokele iGallants ngegowuli elifakwe nguNdlondlo osuse ibhola echaphazeni. Uphinde wabuya uEva Nga negowuli lesibini – kodwa ngelishwa uJoseph Molangoane ufake igowuli lesithathu kwatsho kwaphela ngeChippa United. Ukungaphumeleli kweChippa imidlalo emibini eyidlalele ekhaya kuyifake engxakini kakhulu ngoba ngoku isekele amaqela asemsileni. UMalesela, ogxothwe amatyeli aliqela nguChippa Mpengesi, ukuvuyele kakhulu ukuthatha amanqaku amathathu eMdantsane. Kungenzeka uMpengesi aqeshe omnye umqeqeshi onokwazi ukuhlangula iChippa United esinde ezembeni nakwisizini egqithileyo.

Chippa United: Kazapua, Hanamub, Pietersen, Maloisane, Bienvenu, Sekotlong, Mdlinzo, Zulu, Lebitso, Sandile, Luthuli.

Amalalela: Watenga, Seabi, Mokhele, Ngele, Makobela, September, Mbenyane, Sangare, Pfumbidzai.

Marumo Gallants: Arubi, Mvelase, Gumede, Mabotja, Nonyane, Timm, Dion, Otladisa, Ngema, Ndlondlo, Molangoane.