Etshatshalazeni nguPitso namadoda amathathu ngoMgqibelo!

UPitso Mosimane ngumqeqeshi we-Ahly eza kudlala neMamelodi Sundowns kwiCAF Champions League ngoMgqibelo. Umfanekiso: Mohamed Bissar/BackpagePix

Umqeqeshi we-Al Ahly, uPitso “Jingles” Mosimane, uza kujongana nowona mdlalo onzima ebomini bakhe ngempelaveki. Abalandeli bebhola ekhatywayo balindele kutsh’ ibhayi xa kudibana iMamelodi Sundowns ne-Al Ahly emdlalweni weCAF Champions League oza kutaka iintlantsi eFNB Stadium ngo-15:30 ngoMgqibelo. UJingles nabadlali bakhe bafuna ukubuyisa isixhiba emva kokubethwa yiSundowns ngegowuli elinye elafakwa nguThapelo Morena emizuzwini yokugqibela kwinyanga ephelileyo eCairo. Kwelinye icala, amadoda amathathu (Manqoba Mngqithi, uRulani Mokwena noSteve Komphela) azimisele ukuyiphinda iAl Ahly ekhaya ukuze iSundowns ihlale phezulu kuGroup A.

Ngaphezulu koko, iDowns iza kufuna ukubonisa ukuba zange iyibethe ngempazamo iAl Ahly edume ngokugqugqisa ebholeni ye-Afrika. Imisila iphezulu kwiqela lakwaFaro emva kokuba libethe iAl Merrikh ngo’3-2 ngempelaveki egqithileyo. “Ewe, sifuna ukuyibetha iSundowns – kodwa kwelinye icala, ukuba phezulu kuGroup A akuqinisekisi ukuba uza kuyifumana indebe,” utshilo uMosimane emva kokubetha iAl Merrikh. “Indebe (yeChampions League) siyiphumelele izihlandlo ezibini zilandelelana singekho phezulu – kodwa ndiyakuthanda ukuba phaya phezulu. Kuza kuba nzima ukudlala neSundowns – kodwa thina asoyiki nto, siyi-Al Ahly,” utshilo uMosimane, olindele umdlalo onzima eGoli.

UMngqithi uvumile ukuba impumelelo yeSundowns, eCairo, kwenze umahluko omkhulu. “Kusivuyisa kakhulu ukubetha ukuphumelela eCairo – kodwa impumelelo isekwayeyakhe uPitso ngoba nguye owakhe iSundowns,” watsho uManqoba emva komdlalo. “Ukubetha kwethu iAl Ahly kuwufunqule umoya wabadlali. Khange sidlala umdlalo wethu osemgangathweni ophezulu emidlalweni egqithileyo – kodwa siye soneliseka yindlela abadlali abadlale ngayo ne-Al Merrikh,” utshilo uMgqithi ethetha neentatheli emva kokuba iDowns ibethe iTS Galaxy. IDowns khage izikhuphe zonke iinduku zayo emdlalweni weNedbank Cup ebethe kuwo iThaithai FC ngo’6-0. Komnye umdlalo weChampions League, iAl Merrikh iza kulwelal ukufumana amanqaku apheleleyo xa idibana ne-Al Hilal esekugqibeleni kuGroup A.