UMzantsi Afrika ujonge ukunyathela iWest Indies kwiNdebe yeHlabathi

UKapteni woMzantsi Afrika, uSune Luus, emdlalweni we-ICC Women’s Cricket World Cup ebanjelwe eNew Zealand. Umfanekiso: John Cowpland/www.photosport.nz/BackpagePix

Kunyanzelekile uMzantsi Afrika ukhawuleze uyiphose kwelokulibala into yokubethwa kwawo ekuqaleni kwale veki. UMzantsi Afrika uyophisa emva kokuba uquthiswe kabuhlunggu ngoothinti abahlanu bonke yiAustralia emdlalweni weNdebe yeHlabathi yamanenekazi esingathwe yiNew Zealand. Abadlali beProteas bakhutshwe bonke benze amakhulu amabini anamashumi asixhenxe ananye emitsi (271/5) kuwe oothinti abahlanu. Bebezama ukuvulela ityala iAustralia ngemitsi engamakhulu amabini anamashumi asixhenxe anesibini emitsi (272/5). Kufike ixesha lokukhutshwa kwawo uMzantsi kusashiyeke amashumi amabini anesibhozo ebhola obusenokufumana kuzo ukuba ixesha ubunalo.

Eyona nto ebethise iProteas okokuqala kwitumente yehlabathi ibe kukubhutyuza iibhola ngexesha elibi. UKapteni weProteas, uSune Luus, uvumile okokuba umdlalo uphuncuke kubo ebaleni. Abalandeli beqakamba bashiyeke bephoxekile kukubethwa koMzantsi Afrika ngoba uyiphumelele kakuhle imidlalo emine kwemihlanu oyidlalileyo eNew Zealand. “Ndicinga ukuba isiqalo sethu besisihle kakhulu. Kumnandi kum ukwenza igalelo elibonakalayo,” utshilo uLuus emva komdlalo ekuqaleni kwale veki. “UMeg udlale kakuhle kakhulu. Umdlalo wona ubunzima kodwa bekufanele ukuba sikwazile ukuzikhusela kwiAustralia,” utshilo uLuus.

UTrisha Chetty noLizelle Lee ngabona badlali abanike iAustralia amandla okuhlala emdlalweni ngenxa yokubhutyuza kwabo iibhola. “Silahle umdlalo ebaleni ngenxa yokuvumela iinqondo zethu ziphazamiseke. Iibhola zika-Ismail, odlale kakuhle kakhulu, bezibetha ezandleni zikaChetty,” utshilo uLuus. Ngoku uMzantsi Afrika uza kuzama ukubuyisa izidima sawo emdlalweni olandelayo xa edibana neWest Indies namhlanje (Lwesine). “Sinosuku olunye jwi lokulungiselela ukudibana neWest Indies. Asikwazi ukuyekelela umxakatho ngoba asikangeni kweyamanqam,” utshilo uKapteni. UMzantsi Afrika uhleli kwindawo yesibini emva kwe-Australia engekabethwa kwitumente yehlabathi eseNew Zealand.