ULakay akoyiki ukujamelana nezangxa zehlabathi

ULyle Lakay weMamelodi Sundowns uvuyela ukubizelwa kwiqela lesizwe eliza kudlala neFrance. Umfanekiso: Samuel Shivambu/BackpagePix

Umqeqeshi weqela lesizwe lebhola ekhatywayo, uHugo Broos, uzimisele ukusebenzisa imidlalo yobuhlobo emibini njengamalungiselelo emidlalo ehlakulela eyokuya kwi-Africa Cup of Nations (Afcon) elandelayo. Emva kokuba aBafana Bafana bengakwazanga ukuya kwiAfcon ebiseCameroon ekuqaleni kwalo nyaka, uBroos uthi kunyanzelekile beyile kwezayo. UMzantsi Afrika untingele eBelgium – apho ulungiselela ukudibana neGuinea neFrance ngokulandelelana emidlalweni yobuhlobo. “Njengokuba ndandikhe ndatsho ngaphambili, asikho isizathu esibangela ukuba uMzantsi Afrika ungabikho kwiAfcon. Le yimidlalo ebalulekileyo kuthi futhi enzima. Ndim ofune imidlalo enzima ngoba ndeva kusithiwa uMzantsi Afrika awusayidlali imidlalo enzima,” utshilo uBroos ekuqaleni kwale veki.

Ngomso (Lwesihlanu), aBafana baza kuvana amandla neGuinea emdlalweni oza kube ubanjelwe eBelgium phambi kokudibana neFrance kwiveki ezayo ngoLwesibini kwidolophi yaseLille. Iqela likaBroos lihambe liqhwalela ngenxa yokungabikho kukaPercy Tau owonzakeleyo, indawo yakhe ethathwe nguVictor Letsoalo. Nangona kukho ezo zinto, kukho abadlali abafana noLyle Lakay weMamelodi Sundowns abazimisele ukulibamba ngazo zozibini ithuba lokudlala neFrance eziintshatsheli zehlabathi. UMzantsi Afrika wagqibela ukubetha iFrance ngo’2-1 kwitumente yehlabathi ngo-2010.

Nangona amathuba okubetha iFrance enamadoda ayingozi afana noKylian Mbappe noPaul Pogba embalwa – kodwa ukuqhuba kakuhle kwayo uMzantsi kuza kubanceda abadlali kakhulu. “Ndakuvuya kakhulu ukuba ndinganikwa ithuba lokudlala. Kodwa ukuba ndiphosiwe, ayikokuphela kobom. Ndiza kuqhubela phambili nokusebenza ngokuzimisela,” utshilo uLakay. “Abantu bathi umgangatho weFrance uphezulu kunathi – kodwa kufuneka bakhumbule ukuba kufuneka uzive amandla eqeleni elingaphezulu kunathi. Amava esiwafumene emidlalweni yeCAF Champions League aza kunceda kakhulu,” utshilo uLakay.