Iyikhusele kwakhona indebe yayo iProgress yaseTinarha!

Emva kwesithuba seenyanga ezimbini kudlalwa imidlalo ye-Eastern Cape Rugby Super 14, iProgress isikhusele kwakhona isicoco sayo. Iqela laseTinarha lombhoxo lizenzele imbali embhoxweni waseMpuma Koloni ngokubetha iPE Harlequins ngo’19-15 emdlalweni wamagqibelakankqoyi weRugby Super 14 obuseW.J. De Wet Stadium, eDispatch. Ukuphumelela kwayo iProgress, efumene amashumi amane amawaka erandi (R40 000) akhwatshwe yindebe, akothusanga ngoba lelona qela elingakhange libethwe kuGroup A ukusukela kumdlalo wokuqala ukuyoqhina kowo kugqibela kwinyanga yoKwindla. Nangona iProgress ibingenantanga kwiRugby Super 14 – kodwa iyifumene ivile indebe ngoba iHarlequins ilwile kakhulu futhi ibiyifuna nayo indebe.

Abanye babadlali abenze indima enkulu baquka uDarrion Edwards ofake ipenela yokuqala noMajola oncede iProgress yaya kwisigaba sesibini ihamba phambili. Izamile kakhulu ukulwa iHarlequins – kodwa ngelishwa layo, iye yonganyelwa yiProgress enamava kakhulu emidlalweni emikhulu njengalo obuseDispatch kwiveki ephelileyo. Umqeqeshi weHarlequins, uSebastian Hilpert, uliqhwabele izandla iqela lakhe ngokunganikezeli kude kuphele umdlalo. “Umdlalo ubunzima kakhulu. Imizimba yabadlali ibuhlungu – kodwa ndibulela ukunganikezeli kwabo kude kuphele umdlalo,” utshilo uHilpert. Yena uElroy Ligman weProgress uvakalise uvuyo emva kwempumelelo yeqela lakhe.

“Nditsho ndakhululeka emva kokuphumelela umdlalo wokugqibela,” utshilo uLigman emva komdlalo eW.J. De Wet Stadium. “Into esincedileyo kukuhlonipha indlela yokudlala emva kokohlwaywa ngenqwaba yamakhadi atyheli emdlalweni ophambi kwalo. Sincedwe kakhulu ngamapenela ephise ngawo iHarlequins nokuzilungiselela kwethu. Enye into emandi kweli qela lethu kukuba sithembene. Xa engekho omdlali, siqinisekile ngothatha indawo yakhe,” utshilo uLigman. Ingqonyela yeRugby Super 14, uMnu. David Thobela, uthe imvuyise kakhulu indlela ekuqhutywe ngayo kulo nyaka watsho ethembisa ngokuza nezinto ezingcono kwilixa elizayo.