Ubuyela eqongeni uKonkco emva kwexesha elide engabonakali

Emva kweminyaka emibini abakwicandelo lezemidlalo bengakwazi ukwenza izinto zabo ngendlela yabo yesiqhelo, ngoku kukho ithemba ngenxa yokuthunteka kweliva leKhorona. URhulumente wavala zonke iindibano ekuqaleni konyaka ka-2020 ngelizama ukubamba isantya sentsholongwane esasokolisa ihlabathi. Ngoku izinto zibuyela esiqhelweni nganye nganye, ingakumbi emva kokususa kwesimo sentlekele esasimiselwe ngurhulumente. Konku oku kunika abantu abafana noSimphiwe Konkco ithuba elihle ithuba lokubuyela kwiqonga lamanqindi. UKonkco waye wanyanzeleka ukuba ayihlehlise imilo yakhe emibini kunyaka ophelileyo ngenxa yesimo esibi ilizwe ebelikuso.

Le ndedeba yakuTsolo, ngokokuzalwa, iza kuziphuthuma ngempelaveki, umhla wethoba kuTshaziimpuzi, xa idibana no-Ariston Aton wasePhilippines. Umlo wezi mbethimanqindi onemijikelo elishumi uza kubanjelwa eSun City Superbowl yodumo kwiphondo laseMntla Ntshona. Umlo wangempelaveki unika uKonkco ithuba lokuvuselela isakhono sakhe sokudlala amanqindi. Wagqibela ukulwa uKonkco mhla wabethwa ngowayeyintshatsheli yehlabathi (WBC), uChayaphon Moonsri, emlweni owawubanjelwe kwelaseThailand ngonyaka ka-2019. Kuqukwe neembethimanqindi zokwenyani kuba kukho umlo wosaziwayo emculweni, uCassper Nyovest (Refiloe Phoolo) noNaak Musiq (Anga Makubalo).

Kungokunje uKonkco ubila esoma esitalini sikaColin Nathan ekuthiwa yiHot Box Gym, eGoli, ngelilungiselela ukubuyisa isidima sakhe ngoMgqibelo ebusuku. “Nditsho ndonwaba, oko kuthe kwacaca ukuba umlo uza kuqhubela phambili,” utshilo uKonkco oncediswa ngamadoda afana noDeeJay Kriel, uHekkie Budler noBangile Nyangani oyintshatsheli yoMzantsi Afrika. “Ndifuna ukubulela kakhulu uDeeJay noBangile ngokundincedisa kumalungiselelo omlo wam. Andikwazi ukumshiya noHekkie,” uvale ngaloo mazwi uKonkco ekuqaleni kwale veki.