Abasasazi basinde ngezikasibi engozini!

ABASASAZI ababini bakanomathotholo weSABC eMpuma Koloni, iTruFM, basinde ngokulambisa engozini emasikizi ngeCawa.

Aba basasazi babini, uSilulami ‘Slujah’ Bunu, uSiphamandla ‘Silk’ Damoyi kwakunye nomqulunqi weenkqubo zeli ziko uAsive Sotashe, bebesendleleni esuka ngaseMonti besingise ngaseGqeberha ngethuba begagana neli shwangusha kufutshane neMakhanda.

UDamoyi uchacha ngcono esibhedlele ngelixa uBunu kwakunye nomqulunqi wakhe bechacha ekhaya emva kokukhululwa emva konyango.

UDamoyi khange angene kwinkqubo yakhe ethi Upskill ngeCawa, nebekulindeleke ibe yinkqubo yakhe yesibini nanjengoko eqeshwe yiTruFM kule nyanga. Kuvakala ukuba ibinguye umqhubi wesi sithuthi nekwanguye ochaphazeleke ngamandla kule ngozi.

“Asiyazi kwenzeke ntoni kodwa esikwaziyo siphantse safa kula ngozi. Umsasazi obeqhuba nguye owonzakele kakhulu, kuye kwafuneka ancediswe ukuphuma kobo bugoxo,” omnye wabo uxelele I’solezwe lesiXhosa.

Kuvakala ukuba uDamoyi wophuke izihlandlo eziliqela engalweni ngelixa uBunu noSotashe befumene umonzakalo ongephi.

UBunu noSotashe bebengekho emsebenzini ekuqaleni kwale veki.

Imoto bebehamba ngayo, nekuvakala ukuba ngekaBunu ibubugoxo sithetha nje.