UKaitano Tembo ugxothiwe yiSuperSport United ehlazwe yiTshakhuma FC kwiNedbank Cup

UKaitano Tembo akasenguye umqeqeshi weSuper Sport United emva kokugxothwa kwakhe izolo. Umfanekiso: Gerhard Duraan/BackpagePix

Izembe liwele omnye umqeqeshi ebholeni yaseMzantsi Afrika. Igama lakhe loo mqeqeshi nguKaitano Tembo obengumqeqeshi weSuperSport United. Ukugxothwa kwakhe kubhengezwe ngumphathi weSuperSport, uStan Matthews, izolo emini. Akothusanga ke kambe ukugxothwa kwakhe uTembo ngenxa yeziphumo ezingancumisiyo ezifunyenwe liqela emidlalweni emininzi yeDStv Premiership kule sizini isongwayo. Kukhangeleka ngathi ukukhutshwa kweSuperSport United kwiNedbank Cup kwimpelaveki egqithileyo ibe sisikhonkwane sokugqibela. Amatsatsantsa ahlazwe yiTshakhuma FC ngo’3-2 emdlalweni obuseThohoyandou Stadium.

“UKaitano ebengumntu ozinikeleyo emsebenzini wakhe kakhulu. Bambalwa abantu abaqala badlalele iqela baphinde babe ngabaqeqeshi njengaye. Siyawubulela umsebenzi awenzele iqela yonke le minyaka,” utshilo uMatthews kwigxelo ebhaliweyo. UTembo ube ngumncedisi wabaqeqeshi abafana noGavin Hunt, uStuart Baxter phambi kokufika kwelakhe ithuba lokunyusela ngo-2018 emva kokugxothwa kuka-Eric Tinkler. “Akululanga ukwahlukana nomntu ofana noKaitano obesoloko ebeka iqela phambili ngaphezulu kwayo yonke into. Siyayibulela kakhulu indima ayenzileyo kwiSuperSport United,” utshilo uMatthews.

Nangona izinto zingayihambelanga kakuhle iSuperSport United kule sizini – kodwa ukuthengiswa kwabadlali abaphambili kungasesona sizathu sokugqwidiza kwayo. UTembo ushiya iSuperSport emva kokuhlala kuyo iminyaka engamashumi amabini anesithathu. Phantsi kwegama lakhe njengomqeqeshi, uphumelele indebe yeMTN8 ngonyaka ka-2019. Indawo yakhe iza kuthathwa ngu-Andre Arendse obungumcedisi wakhe. Iingxelo zithi iSuperSport United inomdla kuBenni McCarthy ochithwe ngaMaZulu kwinyanga ephelileyo. Kulindeleke iphele kodwa isizini kungekho nto azibophelele kuyo uMcCarthy ekuthiwa ujongwe ngamaqela amabini amakhulu eSoweto.