Poqo: Kwenziwa idini ngoSibongile Mani

Umbutho wePan Africanist Congress uthi uza kwenza ngako konke okusemandleni ekubeni akhululeke umfundi weyunivesithi iWalter Sisulu, ogwetywe iminyaka emihlanu engaphakathi entolongweni emva kokufunyanwa kwakhe lo enetyala lokutya imali eyafakwa kwiakhawunti yakhe kaNSFAS ngempazamo yi-Intelimalli ngo2017.

UMani kwakufanele ukuba ufumana iR1, 400 kodwa wafakelwa iR14m naye wasebenzisa imali ebalelwa kuR800 000.

IPAC ithetha phambi kwenkundla yamatyala ngoMvulo kule veki kukho nenkokheli yalo mbutho uMzwanele Nyontso, ithe ikholelwa ukuba uMani kwenziwa idini ngaye.

UMani ebesenkundleni ngoMvulo ngethuba amagqwetha amlwelayo ancedisa igqwetha lakhe uAsanda Pakade ebeyokufaka isicelo sesibheno kwesi sigwebo sakhe seminyaka emihlanu.

USekela Mongameli wePAC, uLunga Mantashe, nokwangumfundi kule yunivesithi naye ufungile ukuba baza kuqinisekisa ukuba uyakhululeka uMani.

“UMani isela akalilo tu. Iiyunivesithi kufanele ukuba izinto zemali ziyazenzela ngokwazo ukunqanda izinto ezinje. Fanele ukuba zithatha uxanduva. Kungenzeka impazamo yemali engangeR14m, ngekhe!” utshilo uMantashe.

Eli tyala limiselwe umhla wama29 kule nyanga kwinkundla yamatyala eMonti ngeenjongo zokuba umbuso ube nethuba lokufunda amaxwebhu ala magqwetha acelela uMani isibheno.

Ngethuba egwetywa kwinyanga ephelileyo, igqwetha lakhe uPakade wayemcengela ekubeni sijongwe nkalo zonke isigwebo, sinqunyanyiswe nanjengoko engumama kwaye esenekamva.