Inetyala iPirates eyadlakathelisa uTim Sukazi, itsho iPSL

UTim Sukazi, Chairman ngusihlalo weTS Galaxy. Umfanekiso: Muzi Ntombela/BackpagePix

Ikomiti yoluleko yePremier Soccer League (PSL) ithi iOrlando Pirates inetyala. Ezimnyama zathawuziswa emapulangeni yiPSL emva kokumangalelwa ngumnikazi weTS Galaxy, uMnu. Tim Sukazi, ekupheleni kwenyanga yoMnga ka-2021. Isimangalo savela emva kokuba uMnu. Sukazi wadlakatheliwa kakubi esangweni e-Orlando Stadium, eSoweto, apho wayeyozimasa umdlalo weDStv Premiership owawuphakathi kweTS Galaxy yakhe nePirates. Oonogada bePirates bamtshova uSukazi namanye amagosa weGalaxy abangena ebaleni beme ngelithi ebaleni kuvumeleke inani elithile ngenxa yemiqathango yeKhorona eyayibekwe lisebe lezempilo.

USukazi, owayephethe ipasi lakhe lokungena emidlalweni, wacacisa koma amathe akavunyelwa ukuba angene ngamagosa wePirates awathi kuthiwe angamvumeli angene ngaphakathi. Yamangalelwa iPirates kwikomiti yePSL. Zange ilivume ityala ngomhla wokuthethwa kwalo – kodwa ke ekugqibeleni, ikomiti yoluleko yePSL ifumene iBucs inalo ityala emva kokuva kumacala omabini ngesehlo esenzeka eSoweto. Umtshutshisi wePSL, uMnu. Zola Majavu, uxelele amajelo eendaba ekuqaleni kwale veki ukuba iPirates ifunyenwe inalo ityala ngokuthintela uMnu. Sukazi angangeni ebaleni.

“Inetyala iPirates lokungavumeli uTim Sukazi angene ebaleni enalo ilungelo elipheleleyo lokungena. Ngokwenza njalo, iPirates ingcolise igama leDStv Premiership, iSafa, iCaf, iFifa namaqumrhu axhasa ibhola. Okuseleyo ngoku kukudibana kwamaqela ukuze kuqwalaselwe isigwebo esifanele iPirates ngomhla wesithathu kuCanzibe,” utshilo uMajavu. Kwelinye icala, iKaizer Chiefs emangalelwe ngenxa yokudlalisa uAden McCarthy noMduduzi Shabalala (abakwiDStv Diski Challenge) ekuthiwa zange babhaliswe ngokusemthethweni. Ityala lihlehliselwe umhla weshumi elinesithathu kwinyanga ezayo. Omnye umntu ozifake engxakini kuJohn Comitis weCape Town City ekuthiwe ungcolise igama lebhola. UComitis uthe iqela lakhe alizukudlala neChiefs engazange ukudlala kunyaka ophelileyo ngenxa yeKhorona eyayihlasele abadlali bayo abaninzi.