Amakhosi akhuthazekileyo ayifun’apha iDowns ekelemileyo!

UKhama Billiat weKaizer Chiefs noGrant Kekana weMamelodi Sundowns emdlalweni weDStv Premiership kunyaka ophelileyo. Umfanekiso: ©Samuel Shivambu/BackpagePix

Kulindeleke umdlalo ophakathi kweKaizer Chiefs neMamelodi Sundowns ube kwinqanaba eliphezulu njengesiqhelo xa edibana la maqela amabini. Amakhosi amkela iSundowns emdlalweni obalulekileyo weDStv Premiership ngentsimbi yesihlanu emalanga ngeCawe, eFNB Stadium. Nangona iSundowns seyidlala nje emva kokukhusela indebe yeDStv Premiership kwiveki ephelileyo – kodwa kulindeleke iziphathe zonke izikrweqe zayo xa isiya kwiChiefs. Kwelinye icala, wona Amakhosi asazama ukufumana amandla emva kokubethwa imidlalo emine yonke ilandelelana. Amakhosi akwazile ukuzuza impumelelo ebalulekileyo ngokubetha iMarumo Gallants emdlalweni obungoLwesibini wale veki. Igowuli aphumelele ngalo lifakwe nguKeagan Dolly kwisigaba sesibini emdlalweni obudikidiki eFNB Stadium.

Emva kokudlala ngendlela engancumisiyo emdlalweni ogqithileyo, abaqeqeshi beChiefs kufanele baxhalabe ngoba indlela edlala ngayo ayinakulinganiswa neSundowns ewagebengayo amaqela edibana nawo. Yona iDowns iquthise iSekhukhune United ngo’2-0 kule veki. Nakubeni iimeko zamaqela omabini zingafani – kodwa umdlalo wangempelaveki uza kwahluka kweyesiqhelo. Amasandawana awabetha Amakhosi ngo’2-0 emdlalweni wokuqala weDStv Premiership wokuqala kule sizini eqhubekayo. Umbuzo: Anawo na Amakhosi amandla okuziphindisela kwiDowns? Umbuzo uza kufumana impendulo emva kwamashumi alithoba emizuzu ngeCawe. Umqeqeshi weChiefs wethutyana, uArthur Zwane, unethemba lokuba abadlali bakhe bakhuthazekile emva kokubetha iMarumo Gallants.

“Ibingenguwo umdlalo onomtsalane emohlweni wabantu – kodwa okuxolisayo kukuba sifumene iziphumo ebesizifuna. Kufanele siqokelele amanqaku. Ngokuya kuhamba ixesha, siza kude sidlala ngendlela esifuna ngayo,” utshilo uZwane emva komdlalo. Amakhosi asemva kweRoyal AM esemva kweSundowns. Ukuba angayiphumelela yonke imidlalo eshiyekileyi, angabuyela kwiCAF Champions League. Leyo yenye yezinto eza kutyhala iChiefs idlalele ukuyibetha iDowns engafuniyo ukubethwa njengokuba izama ukwenza imbali. UPeter Shalulile, ohamba phambili ngamagowuli, uza kuzama ukufumana elinye igowuli njengokuba ezama ukucima imbali eyenziwa nguCollins Mbesuma esengumdlali weChiefs kwiminyak eyadlulayo.