UBuyile uvuyela impumelelo yeRichards Bay FC emva kokukhubeka ngo’2021

iRichard Bay FC ziintshatsheli zeGladAfrica Championship. Umfanekiso: Gerhard Duraan/BackpagePix

Inene sube enyanisile amaciko xa esithi “Umzingisi akanashwa” sube enyanisile. Okwenzeke kumnikazi weRichards Bay, uMnu. Sifiso “Jomo” Biyela. Iqela lakhe ladlala kakuhle kwisizini ephelileyo (2020/21) – kodwa lakhubeka emizuzwini yokugqibela lazibhaqa libhukuqwa yiSekhukhune United edlala kwiDStv Premiership kwisizini ka-2021/22. Emva kokuzama kwakhona, iRichards Bay FC inyuselwe kwiDStv Premiership emva kokuba ivale isizini ikwindawo yokuqala kwiGladAfrica Championship. Iqinisekise indawo yayo iRichards Bay kwinqanaba eliphezulu ebholeni yaseMzantsi Afrika kwimpelaveki egqithileyo emva kokuba ibambene ngeqanda neCape Town Spurs FC.

Ukunyuselwa kweRichards Bay kwamkelwe ngovuyo olukhulu kwiphondo laKwaZulu-Natal eliqhayisa ngamaqela amahlanu onke ngoku kwiDStv Premiership. Yinto enkulu leyo kwaye lo nto ithetha ukuthi abantu baKwaZulu-Natal baza kufumana imidlalo emininzi kunamanye amaphondo eMzantsi Afrika. UJomo uvakalise uchulumanco olukhulu emva kokufezekiswa kwephupha lakhe ngeCawe egqithileyo. “Sikuvuyela kakhulu ukuba kwindawo esikuyo. Nabalandeli bethu bebephume ngobuninzi babo namhlanje. Kodwa okuhle kakhulu kukuba abadlali basenze sanebhongo ngeqela lethu. Saphoxeka kwisizini egqithileyo emva kokunganyuselwa kwethu – kodwa namhlanje siyabhiyoza,” utshilo uJomo emva komdlalo eKing Zwelithini Stadium, eThekwini.

Kunzima kakhulu ukudlala kwiGladAfrica Championship. Okwenzeke kwisizini ophelileyo kubonakala ngathi kuyincedile iRichard Bay eyenze umsebenzi omncomekayo. “Into esiyithethe ebadlalini kukuba mabalibale ngokwenzeke kwisizini egqithileyo. Ebalulekileyo kubo yile yenzeka ngoku kwaye siyabaxhasa ngokupheleleyo. Yiyo lo nto sikwindawo esikuyo namhlanje. Siliqela elenza izinto zalo ngendlela eqoqoshekileyo kwaye elinabalandeli kakhulu. Okwenzekileyo yinto enkulu kwiphondo lethu ngoba abadlali abatsha baza kufumana ithuba lokudlala nakwiDiski Challenge. Andizami kuthi asibafuni abantu bangaphandle – kodwa ijonge ukuqala ngabasekhaya,” utshilo uBiyela.