Kunyanzelekile iSwallows iyibethe iChiefs, utsho uDylan Kerr

UKhama Billiat weKaizer Chiefs noJunaid Sait weSwallows FC emdlalweni weDStv Premiership. Umfanekiso: Gavin Barker/BackpagePix

Onke amehlo abalandeli bebhola ekhatywayo aza kuthi ntsho koomabonakude xa kudlalwa imidlalo eyahlukeneyo ngempelaveki. Nangona iMamelodi Sundowns seyizizo iintshatsheli zesizini esongwayo – kodwa amanye amaqela asalwela ukuqinisekisa iindawo zazo kwiDStv Premiership. Amaqela alwela ukungena kwiTop 8 yiGolden Arrows neSuperSport United. Omabini loo maqela ebengoomabilebanda kwisizini ka-2021/22. Okwenzeka kuwo ngoku akuthusi ngoba agxothe nabaqeqeshi ngenxa yeziphumo ezingancumisiyo. Kodwa eyona ndawo enika umdla kakhulu kuphaya ekugqibeleni. Amaqela amathathu: iTS Galaxy, iSwallows neBaroka, aza kulwela ukuphepha izembe xa edlala imidlalo yawo yokugqibela ngoMgqibelo.

Yona iTS Galaxy idinga nje inqaku elinye ukuze ihlale – kodwa kufuneka iSwallows neBaroka ziphumelele. Bekufanele ukuba iSwallows ayisenaxhala lezembe ngoku – kodwa ngoba ayikwazanga ukubetha iChippa United kwiveki ephelileyo, isathe gabhu engxakini. Ngoku iza kujamelana neKaizer Chiefs esagxeleshe indawo enokuyibuyisela emidlalweni yeCAF. Umqeqeshi weSwallows, uDylan Kerr, ukhale kakhulu emva kokuyekwa kwamathuba ngabadlali bakhe emdlalweni ogqithileyo. Ngoku kunyanzelekile iphumelele ukuze idlale imidlalo yokuxabangela (PlayOffs) okungenani kunokuthotyiselwa.

“Umdlalo ubuphethwe sithi njengakweminye imidlalo esiyidlalileyo. Sisoloko sinelishwa lokungakwazi ukufaka ibhola emnatheni,” utshilo uKerr emva komdlalo ogqithileyo. “Ayikho enye into elindelekileyo kuthi, kufuneka siyibethe iChief. Kufuneka siphumelele sibe nethemba lokuba iChippa iza kuyibetha iTS Galaxy komnye umdlalo. Sinethemba lokuba iMaritzburg United iza kuyibetha iBaroka. Ukuba asikwazi ukufaka amagowuli emidlalweni yethu, singathotyiselwa kwiGladAfrica Championship. Kufuneka siqinisekise ukuba senza umsebenzi obonakalayo phambi kweepali,” utshilo uKerr. Yonke imidlalo yeDStv Premiership iza kuqala ngentsimbi yesithathu emalanga ngoMgqibelo.

Imidlalo yeDStv Premiership:

Royal AM vs Mamelodi Sundowns @Chatsworth Stadium; Marumo Gallants vs Sekhukhune United @Peter Mokaba Stadium; AmaZulu vs Golden Arrows @Moses Mabhida Stadium; Chippa United vs TS Galaxy @Nelson Mandela Bay Stadium; Kaizer Chiefs v Swallows @FNB Stadium; Maritzburg Utd v Baroka FC @Harry Gwala Stadium; Stellenbosch v Cape Town City @Danie Craven Stadium.