UKelly, iJaziel noButho bashukumis’ iGqeberha

IBA nombono uKelly Khumalo, iJaziel Brothers noButho Vuthela kwiqonga elinye.

Kuza kubanjalo ke eGqeberha xa ezi mvumi zikhuphisana ngengoma kwiHealing Gospel & Afro Soul Explosion eSun Boardwalk kwimpelaveki ezayo yomhla we4 kweyeSilimela 2022.

Lo mcimbi uwuphathelwa yiMahambehlala njengenxalenye yeekhonsathi ezisingise kuMnyhadala wonyaka nonyaka iEbubeleni.

“Kule minyaka mibini edlulileyo sihleli emakhaya, kungekho ntshukumo zolonwabo ngenxa yeCovid-19, kwenze ubomi nzima,” kutsho uThembi Mahambehlala onguManejala weeNtengiso noMpapashi eMahambehlala eCommunications.

Uthi oku kwenze abezolonwabo bakholelwe kakhulu ekuguqeni ngedolo.

“Badumisa uThixo ngendlela abayaziyo, ingoma nokugida. Baza kubulela uBawo ngemiphefumlo ethe yasinda,” kutsho uMahambehlala.

Abaququzeleli bale khonsathi bathi phantse wonke umntu uchaphazelekile yiCovid-19 ngeendlela ezohlukeneyo, kungoko iMpuma Koloni kufuneka ilibale ngesezolo, iqale uqalo olutsha.

Le khonsathi ineenjongo zokumanyanisa, ukuphilisa nokuqinisa abantu nanjengoko bezama ukubuyisela uzinzo ebomini babo.

Le khonsathi ngeyesibini kuthotho lweekhonsathi ezisingise kuMnyhadala woMculo iEbubeleni.

“Injongo kukudala iqonga, ukuphuhlisa nokwenzela ingeniso iimvumi ezisakhulayo namashishini akwiNelson Mandela Bay,” kutsho uMahambehlala.

Abathandi bomculo kaKelly Khumalo, iJaziel Brothers, uButho Vuthela neqela laseGqeberha, iLegato SA, bayacelwa ukuba baphume bonke ukuza kuzozinwabisa ngobu busuku.

Amatikiti afumaneka ngeR300 ePick’n Pay, kwaBoxer nakwa-www.webtickets.co.za. Iingcango zivula ngentsimbi yesixhenxe.