Amakhosi amkele uKwinika noDu Preez akhulula isibhozo sonke sabadlali namhlanje

UZitha Kwinika no-Ashley Du Preez ngabadlali abatsha beKaizer Chiefs.

Ekuqaleni kwale veki, Amakhosi amkele ngokusesikweni abadlali abatsha ababini. Amagama wabadlali nguZitha Kwinika no-Ashley Du Preez. Bobabini basuka kwiqela laseNtshona Koloni, iStellenbosch FC. UKwinika ubuyela eNaturena – kanye apho waqala khona ukudlala ibhola ekatywayo kwinqanaba eliphezulu. Wemka kwiKaizer Chiefs ngeminyaka ekwakuqeqesha uSteve Komphela ngayo waya kwiChippa United. Ubuyela ekhaya emva kokudlala kakuhle kwiStellenbosch evale isizini ithe ngcu kwindawo yesine kwiDStv Premiership. Esamkela abadlali abatsha, uArthur Zwane, uthethe wenjenje: “Kuyasivuyisa ukufumana abadlali abafana noKwinika noDu Preez phambi kwesizini entsha,” utshilo uZwane.

“Siza kubamkela kakuhle xa kubuyelwa enkampini. Ngabadlali esikholelwa kwelokuba bakufanele ukudlalela Amakhosi kwaye sicinga ukuba baza kwenza umsebenzi olindelwe zizihlwele zabalandeli beChiefs abalambele impumelelo,” utshilo uZwane, onikwe isikhundla sokuqeqesha iChiefs ngokusesikweni kwiveki ephelileyo. Yena umanejala weChiefs, uBobby Motaung, waleke ngelithi unethemba lokuba abadlali bobabini baza kuqhuba kakuhle kwisizini ezayo. “Simazi kakuhle uZitha Kwinika ngoba wayelapha kwade kwango-2016 awamka ngawo. Indlela akhule ngayo ukusukela ngoko iyancomeka,” utshilo uBobby.

“Sikholiwe yindlela aqhube ngayo uDu Preez. Ungumdlali osakhulayo, ongoyikiyo futhi esinethemba lokuba uza kwenza indima ebonakalayo kwisizini ezayo,” utshilo UBobby Motaung. Kwelakhe icala umlawuli weChiefs, uKaizer Motaung Jr, ubulele indlela iStellenbosch esisebenzisene ngayo neChiefs watsho esithi unethemba lokuba iChiefs neStellies zakuhlala zisebenzisana ukuya phambili. Namhlanje iChiefs yohlukene nabadlali abafana noSamir Nurkovic, uLeonardo Castro, uLazarous Kambole, uLebogang Manyama, uDaniel Akpeyi, uDaniel Cardoso, uKearyn Baccus, uAnthony Akumu Agay noLee Baxter obengumqeqeshi woonozinti. Bonke baza kuzikhangelela amaqela amatsha.