Xa bekutheni?

UMDLALO weqonga onjongo zawo ikukukhalimela uxhatshazo olusekelezelwe kwisini [GBV] uya kuMnyhadala wezoBugcisa kaZwelonke eMakhanda.

Lo mdlalo weqonga othi “Xa Bekutheni?” ujonge uxhatshazo kumanina, amadoda kwakunye nabantwana.

Umbhali wawo, uYanga Mabetshe, uxelele I’solezwe ukuba lo mdlalo uthetha ngeGBV kwiinkalo ezohlukeneyo.

“Uthetha ngeGBV kwiinkalo ezohlukeneyo, ukusuka kumabala okudlalela abantwana, emakhaya nekusingqongileyo,” kutsho uMabetshe.

“Lo mxholo weGBV ubalisa ibali likaVusi noBuhle abakhulele kwilokishi enye, kwiintsapho ezohlukeneyo, baze bazifumana befunda kwidolophu enye, kwiikholeji ezohlukeneyo. Nanjengokuba bekhula bobabini bazifumana bejamene neziganeko zeGBV de yabe iyabachaphazela nasesikolweni,” kubalisa uMabetshe.

Lo mdlalo weqonga ubhalwe nguMabetshe encediswa nguMalibongwe Madyo.

Abadlali kuwo nguAnathi Phandle, Chuma Mazibu, Zoliswa Mfiniso, Somikazi Tshalanga, Bathandwa Quvile, Buhle Jack noNelisiwe Jonas.

Owubekeleyo kwiqonga laseMakhanda kulindeleke abone iimeko zeziganeko zoxhatshazo ukususela ebuntwaneni ukuya ebutsheni.

UMabetshe uthi eli bali liyachukumisa kwaye libonisa ukuba kutheni umba weGBV ingumba obuthathaka nonzima ekubeni utshatyalaliswe luluntu oluntsundu, ingakumbi emakhaya, ezikolweni nakwihlabathi jikelele.

Ngo2018, uMabetshe ukhwele kwiqonga loMnyhadala woBugcisa waseMakhanda ngomdlalo wakhe othi iSandi Segubu, waze ngo2019 walandela ngothi Maxhoba Village.

Kulo nyaka emva kweminyaka emibini yokunqumama eqongeni ngenxa yeCovid-19, abantu baza kubukela umdlalo wakhe othi Xa Bekutheni kwakunye noJust Different.

UMabetshe uthi uJust Different libali elifundisa ngesimo seAutism.

“Kuwo sisebenza noJR Nkosi ongumdlali wepiyano ophila nesimo seAutism. Eli libali elingobomi bakhe bokwenene.”

UNkosi waphumelela iOvation Award kulo Mnyhadala ngo2019.

UMabetshe, okwayititshala engaphangeliyo ngumfundi wesidanga sebakala leeMasters kwiNzululwazi ngezoLuntu (Social Science).

UMabetshe uncede iYunivesithi yaseFort Hare ivelise iiprojekthi zeDrama neQonga.

Ukwangomnye owasungula iStart Art Creatives ehlohla izifundo zeDrama neQonga kumaziko emfundo aseMonti afana neUFH, WSU, iikholeji kwanezikolo.