iRoyal AM ifuna ukuqhwaga uSolomon otyikitywe yiChiefs

UKaizer Motaung Jr noDillan Solomons.

Ibango elenziwe yingqonyela yeRoyal AM, uMnu. Sinky Mnisi, ngomdlali omtsha weKaizer Chiefs lichazwe njengento engekhoyo. UMnu. Mnisi uxelele inkqubo yesikhululo seSABC ekuqaleni kweveki ukuba kukho ibali elingelinye ngoDillan Solomons otyikitywe yiKaizer Chiefs kule veki. Nangona engakhange aphuhle kwintetho yakhe, uMnu. Mnisi ebezama ukuthi iChiefs ibhengeze umdlali ofanele ukuba ngumdlali weqela lakhe. USolomons ngomnye wabadlali abafana noKamohelo Mahlatsi, uLehlogonolo Matlau, uSiyethemba Sithebe, uMduduzi Shabalala, uAshely Du Preez noZitha Kwinika abamkelwe yiChiefs. Lo Solomons, efuna ukumqhwaga iRoyal AM, uziqaqambise kwiSwallows FC kwisizini ephelileyo.

Kodwa ke umanejala wakhe, uMnu. Grant Nieuwenhuys uxelele iDiski Times ukuba akanalo nelincinci ixhala libango elenziwa yingqonyela yeRoyal AM. Amakhosi akhe asikwa nguFifa into engaphaya konyaka ngenxa yomdlali waseMadagasca ongazange athathwe ngokomgaqo webhola. Ngeke ifune ukuzibhaqa ikwimeko efanayo kwakhona emva kokungaqhubi kakuhle iminyaka esixhenxe yonke. “Into ayithethayo asinto esiziduba ngayo thina. Ungathi umtyikitye njani umdlali ungazange uthethe naye?,” ubuzile umanejala womdlali emangalisekile.

“Sineminyaka esixhenxe simela uDillan, zange bathetha nathi abantu beRoyal AM. Kwenziwe yonke into ngendlela yiChiefs. Abantu abathethe nam (ngomdlali) yiChiefs nePirates, hayi iRoyal AM. Ukuya kwiChiefs yeyona nto enkulu eyenzeke ebomini bakhe njengomdlali webhola ekhatywayo. Le into (yeRoyal AM) yindlela nje yokumphazamisa. Mayihambe iyokulwa nomntu ebithethe naye ngoba khange ize kwiGN Sports Agency. Ndingaqinisekisa ukuba iRoyal AM khange ithethe nathi,” utshilo uNieuwenhuys. Liyaziwa iqela likaMamkhize ngokuzilwela emva kokuba likhe lathathana nePremier Soccer League ezinkundleni kwisizini ephelileyo.