Yiminyaka wanyamalala uSinazo!

Usapho lakwaJack kwilali yaseQeqe eBolotwa, eDutywa, luthi alukaphenduleki malunga nokunyamalala kwentombi yalo uSinazo Jack, 34, owanyamalala ngomhla wokuqala kwinyanga kaJuni ngo2019.

Ilungu losapho elincokole neli phephandaba lithi lo ngunyaka wesine kuthe cwaka ngomntwana wakowabo owanyamalala kumzi osedolophini eDutywa awayesebenza kuwo, ehlala nomntu ongutata kulo mzi usedolophini.

Luthi okwenza ukuba lukrokre kukuba imali yesibonelelo somntwana, wagqibela ukuyikhupha ngala mhla wokuqala kaJuni waduka ngawo, zange aphinde ayikhuphe de wabe uSASSA uyayicima, wayijika ekubeni ibe yiFoster Care Grant.

UGcotyiswa Jack uthi ngoku bakwinqanaba lokulindela nantoni, benqwenela nokufumana nokuba ngamathambo kadade wabo bawangcwabe.

“Ukumfumana kwethu kungatsho kuxole nomama wakhe kwakunye nomntwana wakhe. Umama ubambi kakhulu ingakumbi xa iyile nyanga sikuyo nawathi wanyamalala ngayo umntwana wakhe. Umzali asele ekunqwenela kukuba afumane umntwana wakhe nokuba imeko yakhe injani oku kokuba amazi kwaye abesecaleni kwakhe,” utshilo uGcotyiswa.

USinazo unomntwana omnye oyintombazana oneminyaka elishumi. Ingxelo ithi umntwana zange nangemini enye ambuze umama wakhe ukuba uphi, kodwa umnqa xa esiva kuthethwa ngomama wakhe uyeka nantoni na ebeyenza amamele.

Usapho luthi lwancedisana namapolisa, lwazenza iinzame ekubeni kufumaneke umntwana walo, kodwa iinzame zatsho phantsi.

UGcotyiswa uthi wancedisa ngobungqina emapoliseni kodwa ezo nzame zatsho phantsi. Uthi bayile nasemagqirheni, kubathandazeli, nakwiicawe beyokufuna uncedo kodwa bebuya nelize.

Ngethuba I’solezwe lisenza eli bali ngo2019, yayingathi umkhondo wokunyamalala kukaSinazo ukhona, kodwa akakafumaneki kunanamhla oku.