AmaZulu aza kuyifumana into ayifunayo, utsho uMhango

Abadlali bamaqela ohlukeneyo adlala kwiDStv Premiership babila besoma ezinkampini ngokwahlukana kwamaphondo. Omnye wabo badlali nguGabadinho Mhango, umdlali omtsha ozimisele ukwenza umahluko xa AmaZulu engena kwisizini entsha. UMhango, 29, ngomnye wabadlali abafike kuSuthu kwinyanga ephelileyo. Wagqibela ukudlala into ebhadlileyo ebholeni yaseMzantsi Afrika kusekho uJosef Zinnbauer owayeqeqesha i-Orlando Pirates kwisizini ka-2019/20 awafumana kuyo ishumi elinesithandathu lamagowuli emidlalweni engamashumi amabini anesibhozo. Emva kokuhamba kukaZinnbauer kwiPirates, izinto zabambi kakhulu kuMhango ngoba ukhe waphazanyiswa kukonzakala.

Kodwa eyona nto ebembi kakhulu ibe kukuvinjwa kwakhe ithuba lokudlala nguMandla Ncikazi noFadlu Davids nangona wayengomnye wabadlali abafaka amagowuli amaninzi kwiAfrica Cup of Nations ekuqaleni kwalo nyaka. Ngoku indedeba yaseMalawi inethemba lokuvuka kwiqela laKwaZulu-Natal. Ethetha no-IOL Sport, uMhango uthe akukho nto acinga ukuba wayenza kakubi, mhlawumbi abaqeqeshi babeka ithemba labo kwabanye abadlali. “Kuye kwanyanzeleka ukuba ndixoze omnye umphini ngoba kwaye kwabonakala ukuba iqela (Pirates) linabanye abantu elicinga ukuba bangawenza umsebenzi,” utshilo uMhango.

Njengokuba AmaZulu ezama ukuzihlaziya ngobadlali abatsha abafana noDumisani Zuma noGeorge Maluleka, naye uMhango unethemba lokwenza eyona nto ayithandayo: ukudlala nokufaka amagowuli ebaleni. “Ukuhamba kwam kuhambelana neenjongo zam zokufuna ukudlala ebaleni. Ndinethemba lokuba AmaZulu aza kundinika ithuba lokudlala. Iqela lifuna ukuphumelela iindebe kwaye linawo amandla okuyenza lo nto. Bonke abadlali bafuna ukwaziwa ngokuphumelela iindebe. Yiyo lo nto nam ndibone ukuba yindawo endifaneleyo le ndikuyo. Ndifuna ukuthi enkosi kubalandeli ngokundamkela. Kumnandi ukuba lapha kwaye ndiqinisekile ukuba niza kuyifumana into eniyifunayo. Sixhaseni ngobuninzi benu xa kuvulwa isizini,” utshilo uMhango.