UGraeme Smith unikwe isikhundla esitsha yiCricket South Africa

Graeme Smith during the 2018 Sunfoil Test Series match between South Africa and India at Wanderers Stadium, Johannesburg South Africa on 25 January 2018 ©Muzi Ntombela/BackpagePix

Kugqityiwe, uMnu. Graeme Smith, uza kukhokela iSA T20 League entsha kraca. USmith, obekhe waxhuzula imikhala njengomlawuli kwiCricket South Africa, unikwe uxanduva olutsha emva kokuphelelwa kwesivumelwano sakhe sengqesho kwiinyanga ezigqithileyo. Isikhundla sakhe sangaphambili sithathwe nguEnock Nkwe omiliselwe ngokusesikweni kutshanje. Nangona ebekhe watyholwa ngobuhlanga kwikomishini ebikhokelwe nguMnu. Dumisa Ntsebenza – kodwa kuye kwacaca ukuba izityholo bezingenayo isihlahla. Yindoda esahlonitshwayo kwiqakamba yaseMzantsi Afrika emva kokukhokela iqela lesizwe loMzanti Afrika ixesha elide.

Ngoku umsebenzi wakhe omtsha uquka ukuqinisekisa ukuba wakha iSA T20 League ukuze yaziwe jikelele aphinde afumane amaqela ngokwamaphondo aza kuthetha inxaxheba kwitumente (T20 League) ebekelwe ukuqala kwinyanga yesibini kunyaka ozayo (2023). Nangona ixesha selixhatshwe yinja – kodwa iSmith uzimisele ukuwenza umsebenzi. “Ndiziva ndiwongeke kakhulu emva kokunikwa uxanduva lokukhokela eli velatanci,” uthilo uSmith. “Mna ndizibophele kwiqakamba yaseMzantsi Afrika kwaye ndizimisele ukuyisebenzela ngamanga wam onke. Liyandichulumancisa ithuba lokukhulisa iSA T20 League entsha. Ndiqinisekile ukuba umgangatho weqakamba yethu uphezulu kwaye ingalizuza utyalomali oludingekayo namathuba amatsha aza kuxhanyulwa ngabadlali beqakamba baseMzantsi Afrika.

“Bayamkele ngezandla ezishushu bonke abachaphazelekayo kwiqakamba kwaye sesihlabele mgama nomsebenzi,” uvale ngaloo mazwi uSmith. Ingqonyela yeCricket South Africa, uMnu. Pholetsi Moseki, uthe uGraeme uwufanele umsebenzi awunikiweyo. “Ngoyena mntu owufaneleyo lo msebenzi mtsha ofuna ukwenziwa. USmith unolwazi oluphangaleleyo lweqakamba yaseMzantsi Afrika neyehlabathi ngokubanzi. Sinethemba lokuba iT20 League iza kwenza umahluko omkhulu kwicala lophuhliso kwiqakamba yaseMzantsi Afrika. Sonelisekile kakhulu ngomgama osele uhamjiwe ukuzothi ga ngoku,” utshilo uMoseki.