Sidlalela ukuphumelela ngamaxesha onke, utsho uDlamini

Unozinti woMzantsi Afrika, uAndile Dlamini, evuya emva kokubetha iZambia kwiWafcon. Umfanekiso: Weam Mostafa/BackpagePix

Iinzame zamanenekazi oMzantsi Afrika zokuphumelele indebe yeWafcon zisesekhondweni elihle kakhulu. Oku kuye kwacaca gca emva kokuba uMzantsi Afrika ubethe iZambia ngegowuli elinye eqandeni (1-0) emdlalweni obubanjelwe eMohammed V Stadium, eMorocco. Amaqela asokolisene emdlalweni futhi bekunzima nokufumana amagowuli. Kuthe sele umdlalo ukwixesha likasompempe, aBanyana Banyana baye bafumena ipenela efakwe emnatheni nguLinda Motlhalo. Umqeqeshi woMzanti Afrika, uDesiree Ellis, uwuqhwabele izandla umsebenzi omhle owenziwe ngabadlali bakhe. Okuncumisa kakhulu ngokwenziwa ngaBanyana Banyana kwitumente eseMorocco kukuba sebeyifumene indawo kwitumente yehlabathi ekunyaka ozayo.

Unozinti woMzantsi Afrika, uAndile Dlamini, uthe wonke umntu wonwabile emva kokufikela kumagqibelakankqoyi weWafcon watsho esithi injongo yeqela kukuphumelela indebe ekupheleni kwetumente. “Into endikhuthazayo kukuthandaza uThixo. Ndiyamazi yena usithanda onke ebaleni – kodwa ndiyicelile inceba yakhe. Emva koko sayifumana ipenela ebhaqwe yiVAR. Sisigqibo esithathwe ngusompempe kwaye ndicinga ukuba besifanelekile. UJermaine Seoposenwe usebenze ngokukhulu ukuzimisela – kodwa wonke umntu eqeleni usebenzile,” uthilo uDlamini ovumileyo ukuba bekunzima kakhulu ukudlala neZambia.

“Kusivuyisa kakhulu ukufikelela kwindawo esikuyo kwiWafcon. Into endiqiniseke ngayo kweli qela lethu kukuba wonke umdlali ufuna impumelelo,” utshilo uDlamini. UMzantsi Afrika usazingela indebe yokuqala yeWafcon emva kokudlala kuyo amatyeli alishumi elinesithathu. Ngoku uMzantsi Afrika uza kudibana neMorocco ebethe iNigeria kumapenela ngo’5-4 emdlalweni owongezelelweyo ophele ebambene ngegowuli elinye macala. UMzanti Afrika kwakufuneka uqule uligangathe ngoba iMorocco iza kube idlalela ekhayeni layo phambi kwezihlwele zabalandeli. Umdlalo wokugqibela uza kudlalelwa ePrince Moulay Abdellah Stadium ngoMgqibelo.