UJoseph Dweba ungena endaweni kaBongi Mbonambi owonzakele enkampini

UJoseph Dweba ngumdlali weqela lesizwe lombhoxo. Umfanekiso: ©Shaun Roy/BackpagePix

Phambi komdlalo omkhulu ngempelaveki, uJacques Nienaber, wenze inguqu emva kokonzakala komdlali wakhe ophambili. AmaBhokobhoko aza kuthathana neNew Zealand emdlalweni weCastle Lager Rugby Championship oza kube use-Ellis Park Stadium emalanga ngoMgqibelo (17:00). Umdlali oyihuka, uJoseph Dweba, uza kuthatha indawo kaBongi Mbonambi ongazukwazi ukudlala ngenxa yokonzakala edolweni akufumene eziqeqesha nabanye abadlali ejimini. Akemtshanga ncam uDweba kwiqela lesizwe lombhoxo ngoba ebekhe wawadlalela AmaBhokobhoko ngethuba edibene neWales kutshanje eBloemfontein ne-Argentina emdlalweni owawuseNelson Mandela Bay Stadium kunyaka ophelileyo.

Umqeqeshi weSpringbok uthe kuseza kujongwa ubungakanani bomonakalo edolweni lakhe, kungoko abaqeqeshi begqibe kwelokuba bamkhuphe kwiqela eliza kudlala ngempelaveki. “Sisenemidlalo yeCastle Lager Rugby Championship ezayo phambi kokuphela kwalo nyaka. Yiyo lo nto sibone ukuba masilumkele into embi engekehli,” utshilo uNienaber ethetha neentatheli. “UJoseph usebenza ngokuzimisela kakhulu ejimi futhi kudala elinde ithuba lakhe lokudlala. Sicinga ukuba ulifanele ithuba xa kanye siza kudibana neNew Zealand – elelinye lamaqela ombhoxo aphambili kwihlabathi.

“Sineqela elikhulu, kubalulekile ukunika bonke abaadlali ithuba lokudlala imidlalo yovavanyo. Lithuba elihle kakhulu eli alifumanayo uJoseph,” utshilo uNienaber onethemba lokuba ukudityaniswa kukaDweba no-Ox Nche kungawanceda AmaBhokobhoko kuba bakhe badlala kunye futhi besazana kakhulu. “Badlalile kwiSA Junior Rugby phambi kokudlalela iToyota Cheetahs kwiitumente ezifana neCarling Currie Cup neGuiness PPro 14. Sicinga ukuba ukwazana kwabo kuza kusinceda xa sidlala neNew Zealand,” uvale ngaloo mazwi umqeqeshi.

Abadlali abaza kuqala umdlalo:

15 – Damian Willemse (DHL Stormers)

14 – Jesse Kriel (Canon Eagles)

13 – Lukhanyo Am (Cell C Sharks)

12 – Damian de Allende (Wild Knights)

11 – Makazole Mapimpi (Cell C Sharks)

10 – Handre Pollard (Leicester Tigers)

9 – Jaden Hendrikse (Cell C Sharks)

8 – Duane Vermeulen (Ulster)

7 – Pieter-Steph du Toit (Toyota Verblitz)

6 – Siya Kolisi (captain, Cell C Sharks)

5 – Lood de Jager (Wild Knights)

4 – Eben Etzebeth (Cell C Sharks)

3 – Frans Malherbe (DHL Stormers)

2 – Joseph Dweba (DHL Stormers)

1 – Ox Nche (Cell C Sharks)

Amalalela:

16 – Malcolm Marx (Kubota Spears)

17 – Steven Kitshoff (DHL Stormers)

18 – Vincent Koch (Wasps)

19 – Franco Mostert (Honda Heat)

20 – Jasper Wiese (Leicester Tigers)

21 – Kwagga Smith (Shizuoka Blue Revs)

22 – Hershel Jantjies (DHL Stormers)

23 – Willie le Roux (Toyota Verblitz)