Abadlali bePeru baphume belila ebaleni yabe iFrance idlulela phambili

Kylian Mbappe of France in action during the FIFA World Cup 2018 group C preliminary round soccer match between France and Peru in Ekaterinburg, Russia, 21 June 2018. By: ATEF SAFADI / EPA

Khange bakwazi
ukuzibamba iinyembezi abadlali bePeru emva kokubethwa yiFrance ngorhatya
lwanamhlanje. Igowuli elifakwe nguKylian Mbappe linike iFrance impumelelo ebalulekileyo
ka’1-0 kumdlalo wesibini weFIFA World Cup obubanjelwe kwibala i-Ekaterinburg
Arena. UMbappe uzenzele imbali namhlanje ngokuba ngoyena mdlali omncinane ofake
igowuli kwimbali yeFrance (kwindebe yehlabathi) eliyithathe layibeka kumjikelo
olandelayo nangona kusekho umdlalo olandelayo.

  Image may contain: 4 people, people playing sports and outdoor

Ukukhala kwabadlali
basePeru kuyevakala. Ukuphulukana kwabo nomdlalo wanamhlanje kuthetha ukuthi
baphumile kwindebe yehlabathi nangoba kulindeleke badlale ne-Australia. Nakubeni
iPeru ililizwe eligqebele kudala ukuthatha inxaxheba kwimidlalo yehlabathi
kwibhola ekhatywayo – kodwa indlela abadlali beyo abadlale ngayo iyancomeka.
Iphumelele iFrance emdlalweni wanamhlanje ngoba ilisebenzisile ithuba
elifumeneyo kwaye nomdlalo wayo ubuphucukile namhlanje. Umqeqeshi waye uDidier
Deschamps uqale umdlalo namhlanje ngoBlaise Matuidi no-Olivier Gioud – nangoku ubekhona
umahluko.

   Image may contain: 2 people, people playing sports and outdoor

Umdlalo wePeru
ubumhle kuzo zozibini iziqingatha zomdlalo. Abadlali banikelene kakuhle
ngebhola, esiswini bakwazile ukumgada uPogba angabenzakalisi – kodwa abakwazanga
ukuwasebenzisa amathuba abawafumeneyo emdalweni. Lo nto ibachanile ngoba yeyona
nto ibalulekileyo kwindebe yehlathi – ukufaka amagowuli emnatheni. IFrance idlulela
phambili emva kokuphumelela yomibini imidlalo yayo kwindebe yehlabathi. Komnye umdlalo,
iDenmark idlale ntangannye ngo’1-1 ne-Australia ebethwe yiFrance ngo’2-1
kumdlalo wayo wokuqala. IDenmark yayibetha ngo’1-0 iPeru – ngoku inamanqaku
amane emva kweFrance.