Abafana Bes’thende balola izikrweqe zabo phambi kokudibana neRichards Bay!

Amaqela ebhola ekhatywayo aKwaZulu-Natal adlala kwiDStv Premiership akaqhubi kakuhle phantse onke kule sizini. Elinye lalo maqela yiLamontville Golden Arrows engaphumelelanga namnye umdlalo ilandelelana kwelishumi phantsi kwesandla sikaMabhuti Khenyeza. Lo nto ibadlalise kakubi Abafana Bes’thende – kodwa kuye kwathi qabu emva kokubetha iPolokwane City ngo’1-0 kutshanje. Oku kwenzeke emva kokufika kukaSteve Komphela osuka kwiMoroka Swallows epanwe ziingxaki zemali.

Nangona kubalulekile ukuba uKomphela aqinisekile ukuba ulola iqela lakhe njengokuba amaqela ebuyela emabaleni ngempelaveki – kodwa kufuneka avale izigqobho ezikhupha amagowuli. Kulindeleke ukuba kuqhawuke unobathane xa iGolden Arrows ithathana neRichards Bay emdlalweni weDStv oza kube useMpumalanga Stadium, eHammarsdale, ngentsimbi yesithathu emalanga ngoMgqibelo. Njengokuba iqela likaKomphela lifuna amanqaku amathathu, nayo iRichards Bay iyawadinga kakhulu.

UKomphela uxelele iintatheli izolo ukuba akakholwa yindlela iqela lakhe elivuza ngayo emva. “Sidlale imidlalo yobuhlobo, kuyo yonke kufakwe amagowuli kuthi. Kowokuqala sifake amathathu kwiRoyal Am – kodwa kwafakwa amabini. Kanti kwiveki ephelileyo sifake amagowuli amathathu, AmaZulu afaka amabini kuthi. Xa ndijonga amagowuli afakwe kuthi, kufuneka sivale emva ngoba siyakwazi ukudlala amathuba. Kufuneka siqinise indlela esidlala ngayo,” utshilo uKomphela izolo.

Abafana Bes’thende kubalulekile ukwamkela iRichards Bay bezilungiselele ngoba iza kuza kubo ikelemile. “Beza kuthi bezingela amanqaku. Baseliqela elidlala kakuhle futhi elinabadlali abayingozi. Akufuneki siyidelele iRichards Bay. Ngamanye amaxesha kuyenzeka ukuba abadlali bangakwazi ukuyenza into elindelwe kubo – kodwa oko kube kungathethi kuthi abanawo amandla okuzuza iziphumo ezihle. Baseyingozi futhi lidabi lobukhaya eli sijongene nalo. UVusumuzi Vilakazi ukhe wasebenza nathi futhi ulazi kakuhle iqela lethu. Umdlalo uza kuba nzima,” utshilo uKomphela.

Imidlalo yeDStv Premiership:

Mgqibelo: Cape Town City vs Kaizer Chiefs @Athlone, 15:30; Polokwane City vs Chippa United @Old Peter Mokaba Stadium, 15:30; Golden Arrows sv Richards Bay @Mpumalanga Stadium, 15:30; Stellenbosch vs Royal Am @Danie Craven Stadium, 15:30; TS Galaxy vs AmaZulu @Mbombela Stadium, 17:30; Sekhukhune United vs Orlando Pirates @Peter Mokaba Stadium, 17:45.

NgeCawe: Cape Town Spurs vs Moroka Swallows @Athlone Stadium, 15:30.