Obelahlekile ufunyenwe edlwengulwe ebulewe kwigumbi likamzala

Umfundi kaGrade 11 kwisikolo samabanga aphakamileyo iChipa-Tabane eRefilwe, eCullinan, udlwengulwe wabulawa, umzimba wakhe ubhaqwe kwigumbi elikwindlu kamzala wakhe.

“Kuvakala ukuba lo mfundi umke kowabo ngeCawe malunga nentsimbi yesithandathu ngorhatya akabuya. Umama wakhe uye wafaka ingxelo yokulahleka komntu emapoliseni ngobo busuku,” sitshilo isithethi sesebe lezemfundo eGauteng uSteve Mabona.

Emva kokufumana ulwazi lokuba lo mfundi ugqityelwe ukubonwa nomzala wakhe, usapho lwakhe lwaya kwindlu yomzala ngoMvulo.

“Kutyholwa ukuba bawufumene umzimba womfundi kwigumbi elikwindlu yomzala. Kwaqhagamshelwana namapolisa aza afika kwindawo yexhwayelo ukuze enze uphando,” utshilo uMabona.

Ngokweenkcukacha, lo mfundi udlwengulwe phambi kokuba akrwitshwe abhubhe.

UMphathiswa wezemfundo eGauteng uMatome Chiloane uthe: “Sixheleke kakhulu kukusweleka komfundi wethu ingakumbi kwiimeko ezimbi ngolu hlobo.

“Sivelana nosapho lwakhe, sidlulisa uvelwano lwethu olungazenzisiyo kubo nakwisikolo,” utshilo uChiloane.

Kuthiwa umrhanelwa uzinikele emapoliseni ngobusuku bangoMvulo.

Umrhanelwa uvele kwinkundla kamantyi yaseBronkhorstspruit ngoLwesithathu.