Siyoyiswa isifo somlomo kwimfuyo

URhulumente weli ngokubambisana nemibutho yezempilo yezilwanyana kwihlabathi balwa ngempumelelo idabi lokuphelisa ngokupheleleyo isifo somlomo kwimfuyo.

Othethe egameni leSebe lezoLimo noPhuhliso lwamaPhandle kweli uReggie Ngcobo uthi ngenene basixinanisele esi sifo.

“Ngentsebenziswano namagosa eSebe kwakunye nombutho wezizwe ezimanyeneyo, iWorld Organisation for Animal Health, singaqinisekisa ukuba zivaliwe iziganeko zokunaba kwesi sifo kwiindawo ezithile,” kutsho uNgcobo.

Esi sifo siqhambuke kwakho ngonyaka ka2021 emva kokuba sasivele soyiswa kwiminyaka engaphambili.

“Ngamaphondo amabini kuphela anengxaki ngoku, iKZN neFreyistata, nto leyo ebonisa ukuba siyasoyisa ngenene esi sifo, kwamanye amaphondo asinayo ingxaki,” kutsho uNgcobo.

Esi sifo sibangele ukuchaphazeleka kwentengiso yenyama yenkomo yeli kumazwe angaphandle.

Amazwe aquka iTshayina akunqumamisa ukungena kwenyama yeli ngenxa yesifo somlomo kwimfuyo.

Ilizwe loMzantsi Afrika linengxaki yokungakwazi ukuzivelisela amayeza okugonyana izifo ezihlasela imfuyo kweli.

“Akukho ngxelo zokuvela kwesifo somlomo kwakho kumaphondo aquka iMpuma Koloni, Mntla Koloni kwakunye neNtshona Koloni, la maphondo enze lomsebenzi wokunqanda esi sifo ngaphandle kokusebenzisa izigonyo,” kucacisa uNgcobo.

Esi sifo sibonwe okokugqibela kumaphondo aquka iMntla Ntshona, Limpopo, Rhawutini neMpumalanga ngonyaka ka2022.

“Kwindawo ebesivele kuzo esi sifo sisetyenzwe ngempumelelo ngenxa yentsebenziswano equka onke amacala,” kutsho uNgcobo.

Eli lizwe liyaqhubeka ukuthumela iimveliso zenyama yenkomo kumazwe angaphandle emva kokuba esi sifo silawulwe ngempumelelo.