Sihlile isivuno sombona salo nyaka

Iingxelo zeengcali kwezolimo ziqinisekisa ukuba sizakuhla isivuno sombona kweli loMzantsi Afrika kulo nyaka xa sithelekiswa neminyaka egqithileyo.

Kuqikelelwa ukuba isivuno sombona sizakuhla ngento ekumashumi amabini eepesenti ekhulwini xa sithelekiswa nesonyaka ophelileyo u2023.

Kwiingxaki ezininzi ezibangele ukuhla kwesi sivuno kubalulwa imbalela ebangele ukunqongophala kwemvula, nokutshisa kwelanga okungaqhelekanga.

Amafama ombona eMzantsi Afrika adla ngokuba nengxaki yokutshelwa ngumbona ngenyanga kaJanyuwari, kodwa kulo nyaka umbona utshe ixesha elide kungekho mvula inayo.

Ukutshisa kwelanga kugaleleke kanye xa umbona uqalisa ukuzala okanye ukudubula uzakunika izikhwebu. Oku kwenza ukuba umbona uzale izikhwebu ezingaphelelanga okanye ezingaqulethanga kutya kuninzi.

Ukuhla komgangatho wombona kubangela ukuba ungahambi lula ukuthengiswa emalikeni. Iimeko zemozulu ezingaqhelekanga ngeli xesha lokulinywa kombona eziquka umoya obandayo ovuthuza ngamandla kubenegalelo kwiingxaki ezibangele ukuhla kwesivuno sombona.

Ukanti zikho iingxelo zokuba kukho inani elikhulu lamafama ebevelisa umbona kweli athathe isigqibo sokutshintsha esiya kwenza ezinye iindlela zoshishino. Amaxabiso ezichumiso, iimbewu nezinye iimfuno zokulima umbona zithe zenyuka ngamandla.

Ukunyuka kwala maxabiso kubangela ukuba amafama aphungule umyinge womhlaba awulimayo, oko kwenza ukuba kuhle umyinge wesivuno sombona. Umbona sisityalo esafika kweli ngeminyaka yoo1820 ngamaxesha emfazwe uvela eNtshona.

Ngenxa yendlela elula yokuwulima amafama weli amnyama aqalisa ukuwuthanda, awulima de wangathi yimveliso yeli. Ngaphambili abantu beli babephila kuphela ngengqolowa namazimba.

Umbona okhule ngokugqibeleleyo unika isikhwebu esimiqolo isuka kwishumi ukuya kumashumi amabini. Oku kubonisa ngenene ukuba eso sikhwebu sakunika isivuno esihle sombona.

Umqolo omnye wombona uthwala iinkozo eziphakathi kwamashumi amabini ukuya kwamathathu xa uchumile umbona lowo.

Ukuhla kwezinga lemveliso yombona kuzakubangela ukuba amafama alinyuse ixabiso lombona, oko kungabangela ukuba babulaleke abathengi.

Ukunqongophala kombona kungabangela ukunqongophala kweemveliso eziquka ukutya kwemfuyo nazo zonke izinto eziveliswa ngombona.

Ukuqinisekisa ukuba isivuno sonyaka olandelayo sinyukile, kufuneka amafama ombona afunde iindlela ezintsha zokulima. Oku kuquka ukutshintsha ixesha lokulima umbona, nokukhangela ezona mbewu zihambelana nezithili ezithile alima kuzo amafama.