Ulutsha alufundanga nto ngesehlo sase-Enyobeni!

Ibhodi elawula ukuthengiswa kotywala eMpuma Koloni, eyaziwa ngokuba yiEastern Cape Liquor Board, ithi ixhalabile ziindaba ezijikeleza kumakhasi onxibelelwano zabafundi abaceba ukubamba isibhadlala sendibano yentselo kule mpela veki yePasika.

Le bhodi, ithi ihletyelwe ezi ndaba zingonwabisiyo ligcuntswana labamele abafundi abasebenzisana nale bhodi, ekubeni kukho isazizo iposter ngamanye endandayo kumakhasi emema abafundi bezikolo ezohlukeneyo zaseBuffalo City kwiPool Party ezakuba kwindawo yokulala iB&B ethile eMonti ngomhla we30.

Kwesi sibhengezo, sithi abo bazakuzimasa esi simemo bayabongozwa ukuba umntu ngamnye angene kule ndawo yokulala ephethe ibhotile yotywala eluhlobo lwewhiskey okanye igin, oku kubonisa ukuba kuyokunxilwa qha kule Pool Party.

UMgwebi Msiya wakwaLiquor Board uthi bazakutyelela kule B&B ekulindeleke ukuba kubanjelwe kuyo le Pool Party.

UMsiya uthi babongoza abafundi ekubeni baziguzule kwezi zenzo nakwezi zicwangciso. Uthi bakwave namanye amarhe awokuba elinye iqela labafundi ngomhla we30 lizakube liselwandle eBeach Front bekwazonwabisa ngotywala.

Ingqonyela yakwaLiquor Board uGqr. Makala uthe: “Ezi ngxelo zabafundi zisothusa ngamandla ingakumbi emva kweenzame ezingaka esizenzayo apho sifundisa abantwana ngobungozi bokusebenzisa ubutywala bengaphantsi ngokweminyaka kwanangalo ‘Pens Down Parties’, oku kubonisa ukuba abaziseleso iimfundiso zethu.”

UMakala uthi, abazali abaninzi bazakube bengekho makhaya kule mpela veki besePasikeni, uninzi lwabantwana luzakube lulodwa. Uthi babongoza abazali ekubeni benze amalungiselelo ngokuyaleza abantwana nokuqiniseka ukuba bakhuselekile.

Abantwana abayi21 babhubha ngoJuni ka2021 kwindawo yentselo iEnyobeni eScenery Park eMonti, besithi bahlamba iphepha kuba begqibe ukubhala.