UTinkler ufuna ukuyibetha iChiefs – qha unexhala leefolosi zayo!

Umqeqeshi weCape Town City, uEric Tinkler, uthi iqela lakhe liza kufumana ithuba lokuguqula izinto emva kokugqwidiza emidlalweni egqithileyo. Iqela laseKapa lamkela iKaizer Chiefs emdlalweni weDStv Premiership ekulindeleke utsale abantu abaninzi eAthlone Stadium ngentsimbini yesithathu emalanga ngoMgqibelo. Nangona izinto zingayihambeli kakuhle iChiefs kule sizini, nakuyo iCity khange kube kuhle kulo nyaka. Emidlalweni emine eyidlale emva kweAfrica Cup of Nations, ayiphumelelanga namnye.

Kodwa nangona kunjalo, iCity isenalo ithuba lokuvala isizini isendaweni ehloniphekileyo. Ngokutsho kwakhe uTinkler, iqela lakhe lizimisele ukulungisa izinto ngokufumana amanqaku kwiChiefs ngempelaveki. “Isiqalo sethu kulo nyaka khange sincumise. Eli lithuba elihle lokulungisa izinto. Ibaluleke kakhulu kuthi lo nto,” utshilo uTinkler. Kunyanzelekile ukuba Amakhosi axoze omnye umphini ngoba aza kudlala ngaphandle kukaYusuf Maart no-Edison Castillo abanqunyanyisiweyo ngenxa yamakhadi amaninzi.

“Besinabadlali abaninzi abonzakeleyo. Ikhefu leFifa lifike ngexesha elilungileyo. Besilidinga ithuba lokulungisa iindawo ezithile kwiqela lethu. Kwelinye icala kukho nabadlali abatsha abebedinga ithuba lokuqhelana nabanye abadlali phambi kokuba badlale. Abadlali bethu kufanele bakhuthazeke kukudlala neChiefs,” utshilo uTinkler. Amakhosi andwendwela eKapa efuna ukuziphindezela emva kokubethwa ngo’1-0 yiCape Town City emdlalweni wokuqala eFNB Stadium kunyaka ogqithileyo.

Kodwa kwakufuneka asebenze ngoba uTinkler uzimisele ukwaphinda futhi. “Eyona nto ibalulekileyo ngoku kuthi kukuphumelela imidlalo. Kufuneka siqale kwiChiefs. Yahlukile kuleya sasidlale nayo ekuqaleni kwesizini futhi umdlalo uza kuba nzima. Asikho kwindawo esifuna ukuba kuyo. Iyingozi iChiefs ngoba ineefolosi ezinamendu kakhulu,” utshilo uTinkler. Iqela lakhe likhuphisana nePirates, iSuperSport neStellenbosch ngendawo yesibini neyesithathu emva kweSundowns ehleli phezulu kwiDStv Premiership.