Kubhubhe abayi-45, konzakala omnye kwingozi yebhasi eLimpopo

Ingozi yebhasi eye yasuba imiphefumlo engama-45. Umfanekiso: ISebe lezoThutho noKhuseleko loLuntu eLimpopo

Kubhubhe abantu abangamashumi amane anesihlanu (45) kuquka nomqhubi. Ngelixa umntwana oneminyaka esibhozo (8) ubudala owonzakele kakhulu, inguye yedwa osindileyo ngethuba ibhasi ekutyholwa ukuba ibithutha abantu baseBotswana isiya eMoria iye yabandakanyeka kwingozi kwibhulorho iMmamatlakala kuhola wendlela uR518 eLimpopo namhlanje uLwesine.

UMphathiswa wesebe lezothutho uSindisiwe Chikunga, uvakalise amazwi ovelwano kwiintsapho ezithe zachaphazeleka sesi sehlo.

“Ndithumela amazwi ovelwano kwiintsapho ezichatshazelwe yingozi yebhasi ngaseMmamatlakala. Imithandazo yethu inani ngeli xesha linzima. Sithe gqolo ukukhuthaza ukuqhuba ngenkathalo ngamaxesha onke njengoko bebaninzi abantu abasendleleni kule mpelaveki yePasika,” utshilo uChikunga.

Ngokweengxelo zokuqala, umqhubi uphulukene nolawulo lwebhasi, nto leyo eyabangela ukuba ingqubane nemiqobo ebikwibhulorho.

Oku kubangele ukuba ibhasi iwele ngaphaya kwebhulorho, kwaye yatsha emva kokuba ibetheke kumhlaba ongezantsi kwale bhulorho.

Amaxesha ohlangulo kuthiwa aqhubekile kwada kwangokuhlwa kwangoLwesine njengoko eminye imizimba itshiswe ngendlela engenakuqondwa, abanye bevaleleke ngaphakathi kobo bubutyobo abanye bethe saa kwindawo yexhwayelo.

Le ngozi iyaphandwa.