Izityholo zentlawulo yeR800 000 yokubulala uAKA

Abarhanelwa abahlanu kwabasixhenxe abatyholwa ngokubulala uAKA noTibz. Umfanekiso: Anelisa Kubheka

UMbuso udize ukubandakanyeka kwelungu losapho oludumileyo oluqhuba ishishini leeteksi KwaZulu-Natal kwityala lokubulawa kukaKiernan ‘AKA’ Forbes noTebello ‘Tibz’ Motsoane.

USydney Mfundo Gcaba, okwangumtshana kulowo wayesakuba nguMongameli uJacob Zuma, kutyholwa ukuba uhlawule imali engaphaya kweR800 000 kwiakhawunti yomnye wabatyholwa.

Le mali yahlawulwa ngomhla weshumi elinanye kweyoMdumba, kusuku emva kokubulawa kuka-AKA noTibz. UMbuso utyhola ngelithi le mali yahlawulwa ngokubulawa kwalo mrepha.

UMbuso udize oku kothusayo ngethuba amadoda amahlanu kwasixhenxe ebevele phambi kweNkundla kaMantyi yaseThekwini ngoLwesibini emva kwemini malunga nokubulawa kukaForbes noMotsoane.

Kwingxelo efungelweyo engeniswe ngumphandi wetyala uKumaran Pillay, utyhola ukuba uGcaba ubhatale imali engaphaya kweR800 000 kwenye yeeakhawunti zebhanki zabatyholwa.

Usomashishini waseThekwini nokwangumtyali-mali woshishino lweeteksi, uMziwethemba Gwabeni, okwangomnye wabatyholwa kweli tyala, kutyholwa ukuba wayifumana le mali kwiakhawunti yakhe yebhanki ngosuku olulandela isiganeko sokubulala ngomhla weshumi elinanye kweyoMdumba.

Le mali ihlawulwe ngeakhawunti yebhanki yeshishini lenkampani iBright Circle Pty Ltd, inkampani apho uGcaba engumlawuli khona.

UMbuso utyhola ngelithi uGwabeni wahlawula abo atyholwa nabo imali ekwiR133 000 umntu ngamnye emva koko.

Umtshutshisi woMbuso, uAdvocate Elvis Gcweka, utyhola ngelithi iingxelo zefowuni zibonisa ukuba phambi kokuba kuhlawulwe le mali, uGwabeni noGcaba bancokola efownini.

“Kungekudala emva kwalo mnxeba, isixa-mali esingamaR803 455 sithunyelwe kwiakhawunti yebhanki yomfaki-sicelo,” utshilo uGcweka.

UMbuso utyhola ngelithi le ntlawulo yenziwa phantsi “kokubonisana” kodwa uphando lwabo okwangoku alukakwazi ukuseka ubudlelwane bezoshishino phakathi kukaGwabeni noGcaba.