Iindlela zokukhathalela ibhanana

1. Uhlobo lwembewu

Amaxesha amaninzi amafama athenga imbewu engafanelekanga ukutyalwa kuhlobo lomhlaba alima kulo ibhanana yawo. Oku kwenza ukuba umfama angasifumani isivuno asincwasileyo ukuze akwazi ukwenza imali ngohlobo olululo.

Ulwazi malunga nohlobo lomhlaba luyafumaneka kumafama anamava, nakumagosa kaRhulumente. Iingcali zomhlaba nazo ziyanikisa ngolwazi malunga nohlobo, oku kuchaza ukuba zeziphi izityalo ezinokutyalwa. Oku kukhusela izityalo kwizifo nezinye iingxaki ezihlasela izithole zebhanana.

2. Ukutyala kumhlaba ofanelekileyo

Xa umhlaba ukhe wahlaselwa zizifo ezithile ezibangwa zizichumiso nezinye iingxaki, oku kubangela ukuba umhlaba wakho ungavelisi. Ibhanana ke ithanda ukutyalwa kumhlaba olungisiweyo, olungiswe ngokwaneleyo kunjalo nje.

Kubalulekile ngoko ukuba ufake izikhuseli nezichumiso ezifanelekileyo ukunqanda iingxaki, ukuze ufumane isivuno. Ibhanana iyabuthanda ubushushu obuhamba nokufuma.

3. Musa ukulindela isivuno esigqibeleleyo

Ngenxa yeemeko ezinzima zokulima kumele ukuba umfama azilungiselele ukwamkela nantoni ngenxa yemozulu nezinye iimeko zokuguquka kwemozulu. Ukulima ibhanana kufuna ubani onomonde. Xa ulime ibhanana kumele ukuba uzilungiselele ukuba awuzukufumana sivuno sisiso kuba uqala.

Ibhanana ithatha isithuba seenyanga ezilishumi elinesithandathu xa ilinywe okokuqala kumhlaba wakho. Ngoko ke kubalulekile ukuba umfama ayazi ukuba unyaka wakhe wokuqala ngunyaka wokufunda indlela eyiyo yokutyala ibhanana.

4. Musa ukutyala ibhanana kumhlaba odinga amanzi

Ibhanana ityalwa kuphela kwindawo enamanzi aphuma ngokwendalo, ingekuko ukuba uyatyala okanye usebenzise izichumiso. Kungoko ibhanana kumele ukuba ityalwe kwiindawo ezikufutshane nonxweme, ukufuma konxweme kuyancedisa ukukhula kweBanana.