Kubanjwe inqwaba yabantu kwindawo edume kakubi iCalifornia!

Bangamashumi amabini anesixhenxe (27) abantu abathe babanjwa bavalelwa ngenjikalanga yangoLwesibini ngethuba abengalo yomthetho bethe bavingca bengabhungisanga kwindawo edume kakubi eMonti iCalifornia.

ICalifornia nekwisitalato iSt Paul’s eNorth End eMonti, yindawo enamashishini afana nawokupheka, awokulala, neendawo zentselo neziqhutywa ngabemi bamazwe awohlukeneyo bangaphandle.

NgoLwesibini bekungekho kokuqala ityelelwa. Sele ikhe yatyelelwa namgumphathiswa wamapolisa kuzwelonke uBheki Cele ngenxa yenkxakamo yabahlali abathi igqiba ulutsha.

Ngokwengxelo ephuma kwisithethi saseBCM uSamkelo Ngwenya ithi, abarhanelwa babanjelwe izenzo zolwaphulo mthetho ezohlukeneyo kuquka izityholo zokophula imithetho yokungena elizweni.

Kolu gqogqo kukwagqogqwa neemoto kwaneevenkile zonke ezikulambindi weCalifornia. UNgwenya uthi, olu gqogqo luqhutywa ngaboMthetho eBCM, kunye nabePublic Order baseMthatha naseGqeberha.

“Sifuna ukuncoma iinzame zamapolisa kuquka nabo bonke abokhuseleko nomthetho abenze eli phulo. Oku kwakuthumela umyalezo ongqiqwa owokuba abophuli-mthetho abazukuhlekelwa,” utshilo uNgwenya.

“Siyayazi ukuba abophuli-mthetho basebenzisa kanye eli xesha lixakekileyo enyakeni bethatha amathuba okwenza okubi.”