UDesiree Ellis uqweba iqhinga lokuwisa iNigeria eyingozi

UDesiree Ellis ngumqeqeshi waBanyana Banyana.

Babila besoma aBanyana Banyana enkampini – apho baqweba khona amaqhinga abanokuwisa ngawo iNigeria emidlalweni emibini. Ngomhla wesihlanu kwinyanga kaTshazimpuzi, uMzantsi Afrika uza kuvana amandla neNigeria eyingozi emdlalweni ohlakulela imidlalo ye-Olimpiki eza kube isePeris, eFrance, ekuthambekeni kwalo nyaka. Umdlalo wokuqala uza kubanjelwa ebaleni layo iNigeria. Owesibini uza kudlalelwa eLoftus Stadium ngomhla wethoba kuTshazimpuzi walo nyaka.

Omabini amazwe agacele ukufumana indawo emidlalweni ye’Olimpiki. UDesiree Ellis, onexhala leNigeria eyingozi, ukhwebe abadlali abanamava asuka nabo kwiFIFA Women’s World Cup. Nangona ukuphila kwabadlali abafana noMbambani Mbane kukuhle – kodwa kuye kwanyanzeleka amkhulule uAndile Dlamini ngenxa yokonzakala. Indawo yakhe ithathwe nguRegirl Ngobeni. Njengokuba uDesiree Ellis ephumelele indebe yeCosafa amatyeli aliqela, iWafcon walisa kwiNdebe yeHlabathi kabini iqela lesizwe lamantombazana, uxelele amajelo eendaba ekuqaleni kwalo nyaka ukuba into ayifunayo kukulisa kwi’Olimpiki.

Ingenzeka lo nto – kodwa aBanyana Banyana kunyanzelekile basuse umqobo omkhulu phambi kwabo oyiNigeria. Emdlalweni wokuqala oza kube use’Abuja, iNigeria iza kusebenzela ukuwungcwaba uMzantsi Afrika phambi kwabalandeli bayo abaza kuphuma ngendlu njengesiqhelo. Noxa umqeqeshi elithembile iqela lakhe – kodwa uyayazi idemesha enokwenzeka eNigeria ukuba iqela lakhe liya lingazilungiselelanga kakuhle. “Amalungiselelo asahamba kakuhle futhi sithethile nabadlali ngokubaluleka komdlalo esiya kuwo,” utshilo uEllis ethetha neentatheli ekuqaleni kwale veki.

Kulindeleke ukuba uEllis aliphungule inani labadlali anabo enkampini ngoLwesine. “Phambi kokukhulula abanye abadlali, kubalulekile ukufumana abadlali abaza kusinceda emdlalweni esiya kuwo. Siyayazi iNigeria ukuba liqela elisemgangathweni ophezulu. Yiyo lo nto siqonda kakuhle ukuba umdlalo esiya kuwo uza kuba nzima kuthi. Sizimisele ukuya eNigeria neqela elinabadlali abatsha nabanamava,” utshilo uEllis. Njengokuba uDlamini engekho, uKaylin Swart uza kuqala umdlalo ezipalini njengesiqhelo. Ukungabethwa kwaBanyana Banyana kungandisa amathuba wabo okuya eFrance.