Abaswelekayo bakhunjulwe ngemidlalo kuSabalele

Iqela laseCofimvaba, iTwo Touch FC, lilo eliye lagoduka lithe qhiwu indebe neembasa zegolide emva kokubetha iVasco FC yaseNtshingeni ngo4-3 kumapenela. Umfanekiso: Uthunyelwe.

Ulutsha lwelali yakuSabalele, eCofimvaba, likhumbule amadodana abhubha engabakhwetha ngemidlalo yebhola ekhatywayo phambi kwenyibidyala.

Amaqela ebhola ekhatywayo amathandathu akhuphisene kwitumente yokuqala eququzelelwe ngumbutho wesisa, Ilisolentla, okhokelwa lityendyana laseMangweni.

Injongo yokusungulwa kwetumente kukukhumbula amadodana alishumi aswelekela ebhomeni ngo2003.

Amalungu wekomiti eququzelele itumente nguNtobeko Potolozi, uThulani Manana, uMphatheli Hani, uLubabalo Mhambi noThandiswa Salman. Ngabo abawenze wakhaphukhaphu umsebenzi ngoba ezinye iindleko bazibhatale ngokwabo.

Noxa imeko yebala ebekudlalelwa kulo ibimbi – kodwa abadlali bamaqela onke badlale ngokukhulu ukuzimisela futhi bamke benethemba lokwenza ngcono xa ibuya itumente ekupheleni kwalo nyaka.

Iqela laseCofimvaba, iTwo Touch FC, lilo eliye lagoduka lithe qhiwu indebe neembasa zegolide emva kokubetha iVasco FC yaseNtshingeni ngo’4-3 kumapenela.

Ngaphandle kokufumana indebe, iintshatsheli zetumente zigoduke nemali eliwaka elinamakhulu amahlanu eerandi (R1500), logama yona iVasco ifake engxoweni iwaka leerandi (R1000) neembasa zesilivere.

Konke oku kuphume ezipokothweni zamalungu wekomiti akwaqinisekise okokuba itumente iyaphumelela.

ULubabalo Mhambi uxelele I’solezwe lesiXhosa okokuba abaququzeleli bonelisekile ngumsebenzi owenziwe ngamaqela ebaleni noxa ibala belilibi.

“Besiqala ukusingatha itumente ekumila kunje noxa ibiyinto ekudala siyicinga. Siye sakhumbula abantakwethu abasishiyayo ngoba babeyithanda kakhulu ibhola ekhatywayo. Babethwa ngumhlekazi bengabakhwetha. Ngokuya babengcwatywa, urhulumente wayethe uza kubuya kodwa uthe akungayenzi lo nto, sithe masidibane senze le nto. Itumente ibintle kakhulu ngaphandle nje kwebala elingekho semgangathweni,” utshilo uMhambi.

Enye yezinto abaququzeleli abanethemba lokuzikhonkxa ngokubamba itumente kukwanda kokusetyenziswa kweziyobisi lulutsha lakuSabalele.

Kunokwenzeka kubekho neminye imidlalo entlobontlobo kunyaka ozayo ngokokutsho kukaMphatheli Hani ngoba banomnqweno wokuqinisekisa okokuba lonke ulutsha luyabandakanywa emidlalweni.