Akonelisekanga kwaphela liqela lakhe uShakes

Iqela lesizwe lebhola ekhatywayo loMzantsi Afrika lidlale imidlalo emibini, omnye udlalwe kwimpelaveki edlulileyo – omnye udlalwe ngoLwesibini wale veki.

Iziphumo zale midlalo yomibini zibonisa umsebenzi omkhulu okufuneka wenziwe nguShakes Mashaba. Umdlalo wokuqala wokuzibekela indawo kwindebe yehlabathi ezayo obuphakathi kweBafana Bafana neBurkina Faso uphele ngo’1-1.

Ukuze uMzantsi Afrika ubuye uphethe inqaku elinye uncedwe ngu-Itumeleng Khune oqande amanzi engen’endlini amatyeli aliqela ngenxa yokusindwa kwabadlali basemva. Lo nozinti weBafana uvale ipenela neebhola ezintathu ezimbi engeziqhokre kabuhlungu uMzantsi Afrika.

Ebusuku ngoLwesibini kwakhona aBafana Bafana badlale ntanganye ngo’1-1 kumdlalo wobuhlobo neGhana, eMoses Mabhida Stadium. Nangona le midlalo ibingalingani ngokubaluleka – kodwa iingxaki ezithe zavelela iqela likaMashaba zingalifaka engxakini ilinge lokuya kwiFIFA World Cup ngo’2018. Kuyo yomibini le midlalo, aBafana Bafana, abakwazanga ukudlala umdlalo odibeneyo, iibhola zabo ziphelela esithubeni kuphinde kubenzima ukuyifumana ibhola. Uzivumile ezi ngxaki uShakes emva komdlalo weGhana. “Asikwazanga ukudlala kwisiqingatha sokuqala ngendlela ebesifuna ngayo.

Kodwa besifuna ubona abadlali abatsha kulo mdlalo. Kwisigaba sesibini izinto ziye zatshintsha emva kokuba senze iinguqu. Ingxaki yethu ngoku kukuba siyayilahla ibhola siphinde sisokole xa kufuneka siyifumene,” utshilo uShakes emva komdlalo weGhana. UMashaba kunyanzelekile alifumanele indawo kwindebe yehlabathi iqela lakhe ukuba akafuni libesehlazweni lokubonwa njengezifede ezonwabela ukudlalela imidlalo yobuhlobo. Kufuneka aBafana badlule kwiSenegal, Cape Verde neBurkina Faso ukuze baye kwindebe yehlabathi eRussia.