Emva kokuphumelela umdlalo obunzima, umqeqeshi weTS Galaxy uthe iqela lakhe likufanele ukudlala emdlalweni wokugqibela. USead Ramovic ukuthethe oku emva kokuba iTS Galaxy ibethe AmaZulu ngo’3-2 emdlalweni weCarling Knockout obunzima eMoses Mabhida Stadium emalanga izolo.
Amagowuli ewele ngawo iTS Galaxy afakwe nguBradley Mojela, uHigor Vidal noSamir Nurkovic. Umqeqeshi ubaqhwabele izandla abadlali bakhe emva kokuba bethathe iqela lakhe balibeka kwisigaba sokugqibela seCarling Knockout yalo nyaka.
Uthe okwenziwe ngabadlali bakhe kuhle kakhulu futhi iqela lakhe likufanele ukudlala umdlalo wokugqibela weCarling Knockout. Abadlali abafunyenwe yiTS Galaxy simahla benze indima ebalulekileyo kakhulu. “Ukudlala umdlalo wamagqibelakankqoyi kusifanele.
Ndibaqhwabela izandla abadlali bam emva kokwenza umsebenzi omhle. Abakwenzileyo kubonisa mhlophe ukuba awudingi ukuchitha isigidi serandi ukuze ufikelele kwindawo esikuyo,” utshilo uRamovic.
Iqela laseMpumalanga lisecicini lokuphumelela indebe ebalulekileyo yesibini. Laqala ukuphumelela iNedbank Cup emva kokubetha iKaizer Chiefs lisadlala kwiMotsepe Foundation Championship phambi kokunyukela kwiDStv Premiership.
Emdlalweni wokugqibela weCarling Knockout, iTS Galaxy iza kudibana neStellenbosch eyingozi emdlalweni oza kube useMoses Mabhida Stadium, eThekwini, kule nyanga.
“Ngabadlali endinabo aba kweli qela, Ndizingomba isifuba ngabakwenzileyo. Kodwa endifuna ukuphawula kukuba kufuneka sithandazele abantu abangenatyala ababulawayo ePalestine. Sonke masime ngeenyawo sikhuthaze ubuntu.
Siyababulela abalandeli bethu ngokusixhasa, Kuhle ukubona iqela labo lisiya emdlalweni wokugqibela wendebe,” utshilo uRamovic emva komdlalo ngempelaveki egqithileyo. Ukuphumelela iCarling Knockout ingayinto enkulu kwiTS Galaxy.
Umrhanelwa obefunwa ubulawe ngamapolisa