Alikho elifune ukoyiswa phakathi kwaBafana Bafana neGhana!

Percy Tau of South Africa challenged by Ismail Abdul Ganiu of Ghana during the 2021 Afcon Qualifier match between South Africa and Ghana at FNB Stadium, Johannesburg, on 25 March 2021 ©Samuel Shivambu/BackpagePix

Emva kokudlala amashumi alithoba emizuzu emdlalweni obubaluleke macala, aBafana Bafana neGhana badlale ntanganye ngo’1-1 ngorhatya lwanamhlanje eFNB Stadium. Omabini amazwe, uMzantsi Afrika neGhana, aye emdlalweni wanamhlanje ephantsi koxinizelelo emva kokuba iSudan ibethe iSao Tome Principe ngo’2-0 emdlalweni wayizolo ngoba omathathu amazwe aye alingana onke ngamanqaku alithoba.

Nangona iGhana noMzantsi Afrika zinamanqaku alishumi emva kokwahlulelana ngamanqaku namhlanje – kodwa iSudan, eza kudibana noMzantsi Afrika ngeCawe isenalo ithuba ukuba iyakwazi ukuphumelela. UMolefi Ntseki uye emdlalweni ejingxela emva kokuphazanyiswa kwamalungiselelo weqela lakhe kukungafumaneki kwabadlali abaseYurophu nabanye abonzakeleyo.

Kwangoko emdlalweni, bekufanele uMzantsi Afrika uhambe phambili – kodwa akubanga njalo emva kokuba uThapelo Morena engakwazanga ukusebenzisa ithuba elihle. Emva koko kulandele uS’fiso Hlanti okhabe imbumbulu yebhola ethintelwe nguRazak Abalora ngesandla ezipalini zakhe. Kuye kwancameka xa uMorena ephosa elinye ithuba emva kwebhola ebilungiswe nguPercy Tau. AmaGhana awohlwayile uMzantsi Afrika odlale ngamathuba ngegowuli elifakwe nguMohammed Kudus.

Emva kwemizuzu embalwa, uPercy Tau ufake igowuli lokulinganisa. Waba uphela kanjalo umdlalo phakathi kwaBafana Bafana neGhana eyababetha ngo’2-0 emdlalweni wokuqala. Kulindele kuphume amaqela amabini kuGroup C. Ukuze iGhana iye kwi-Afcon, kufuneka ibethe iSao Tome – wona uMzantsi Afrika kufuneka ubethe iSudana kowayo ngeCawe. Nangona kucaca okokuba kuza kuba nzima – kodwa lona ithuba laBafana Bafana lokuya eCameroon lisekhona.

Bafana Bafana: Williams, Hlatshwayo, Xulu, Maela, Hlanti, Coetzee, Jali, Morena, Zwane, Tau, Gamildien.

Amalalela: Khune, Lebusa, Phete, Martin, Pule, Nodada, Mbule, Motshwari, Monare, Foster, Singh, Maboe.

Ghana: Abalora, Anang, Baba Abdul Rahman, Opoku, Ganiyu Ismail, Acquah, Poku, Wakaso, Ekuban, Mohammed Kudus, Gyasi.