Iqhubela phambili iSPAR Challenge Tri-Nations

UBongiwe Msomi nguKapteni weqela lesizwe lomnyazi eMzantsi Afrika. Umfanekiso: NetballSA/Facebook

Itumente yomnyazi, iSPAR Challenge Tri-Nations, iza kuqhubela phambili ukusukela nge-25 kweyoKwindla 2021 ukuya empelanyanga eCape Town International Convention Centre. Amazwe aza kuthatha inxaxheba nguMzantsi Afrika, iNamibia, ne-Uganda – kodwa kwakubakho neqela lesine ekuthiwa yiPresident’s XII. Omabini amazwe uMzantsi Afrika (Proteas) oza kudlala nawo ayingozi kwaye kulindeleke ukuba usokole ukuba abadlali bawo bawathathe kancinci. UMzantsi Afrika uza kugabula izigcawu ne-Uganda ngentsimbi yesithandathu xa kutshona ilanga namhlanje (Lwesine). Umqeqeshi weProteas, uDarette Badenhorst, uthe amalungiselelo weqela lakhe ahamba kakuhle ekuqaleni kwale veki.

“Ahamba kakuhle amalungiselelo. Umdlali ngamnye ufuna ukuqinisekisa ukuba sidlala umdlalo odibeneyo. Asizimiselanga kubaqoba abadlali bethu ngoba kufuneka sicingele imizimba yabo – kodwa sifuna ukuqinisekisa ukuba umdlali ngamnye wenza okulindelekileyo kuye,” utshilo uBadenhorst. Ngenxa yokungafumaneki kwabadlali abadlala phesheya kolwandle, uBadenhorst uchonge abadlali abatsha anethemba lokuba baya kulisebenzisa ithuba abalinikwayo.

“Ukuphumelela imidlalo yethu kubalulekile kuthi ngoba yonke imidlalo igunyazisiwe futhi ibalulekile. Akululanga ukudlala namazwe alapha e-Afrika kwaye soze ndiwadelele nanini na. Into esiyifunayo thina kukudlala ngendlela yethu eqhelekileyo. Sibaqeqeshele iimeko ezahlukeneyo abadlali ngoba amaqhinga wamaqela esiza kudlala nawo awafani. Sinethemba lokubasebenzisa bonke abadlali. Into ephambili kukubetha iqela ngalinye esidlala nalo ebaleni”

“Abadlali abaninzi zange badlala kwinqanaba eliphezulu njengeNdebe yeHlabathi – kodwa bakhona abakhe badlala ne-Uganda ngaphambili. Kwabo bangazange badlala nayo, lakusoloko likhona ixhala kubo xa besebaleni. Siza kubancedisa ukuze bayilungele imidlalo. Ndinethemba lokuba baza kulibamba ngezandla zozibini ithuba abalifumanayo,” utshilo umqeqeshi. Ngomso i-Uganda idibana neNamibia, kulandele uMzantsi Afrika neNamibia ngoMgqibelo phakathi kweminye imidlalo.